1. ISebe leMfundo esiSiseko (iSebe i-DBE) lithathe inyathelo lokuqinisekisa ukuba i-physical education yenza inxenye ebaluleke gqitha yamava okufunda ewonke. NgeNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo, abafundi bafumana i-physical education njengenxenye yeKharityhulam yeSifundo soLwazi ngezoBomi. Oku kunegalelo kwi-Integrated School Sport Programme, eyintsika nesiseko esiluqilima semidlalo kweli lizwe.
2. INyanga ye-Physical Education iphawulwe njengethuba leprogram yenkxaso engamandla, yentsebenziswano nokuthatha inxaxheba koninzi ngokumalunga nokuphunyezwa kweprogram yenyanga ye-physical education eqhutywa ukususela nge-06 Apreli ukuya kwi-10 Meyi 2016. Injongo yale program kukubonelela iqonga lokuphucula inqanaba le-physical education eMzantsi Afrika. Ukuthathela ingqalelo nokubhiyozela iNyanga yePhysical Education, ziya kukhuthazwa zonke izikolo ze-Further Education and Training Band, ukuba zithathe inxaxheba kwimisebenzi ye-physical education egxininisa kwikharityhulam neya kufikelela kuvuthondaba ngoSuku lwe-Physical Education nge-10 Meyi 2016.
3. Ngowe-10 Meyi 2016, ukuqala ngo-08:00, ukubhiyozela uSuku lwe-Physical Education, iSebe i-DBE lisebenzisana ne-Physical Education Institute of South Africa namaqela achaphazelekayo, limema izikolo zithathe inxaxheba kumsebenzi wokuxhuma-xhuma uvule izandla nemilenze wemizuzu emibini. Eli lilinge lokumisela irekhodi elitsha lehlabathi (new world record) "labona bantu baninzi baxhuma-xhuma bevule izandla nemilenze ngaxeshanye kwiindawo ezininzi kangangemizuzu emibini elandelelanayo".
4. Ziya kucelwa izikolo zilidibanise ixesha lazo ukwenzela ukuba ziwufezekise lo mngeni, yaye zizirekhode zona ngokwazo ngokufanelekileyo.
5. Ukurekhodwa nokujongisiswa kwerekhodi lehlabathi kuya kwenziwa ngabasebenzi berekhodi lehlabathi (world record personnel).
6. Izikolo ezithatha inxaxheba ziya kubekwa esweni ngabacebisi bezifundo besithili beSebe leMfundo leNtshona Koloni.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane ootitshala beSifundo soLwazi ngezoBomi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:04:18