1. USuku lwe-Afrika lukhunjulwa ngowa-25 Meyi.
2. Olu suku lunika imbeko ukusekwa koMbutho woManyano lwe-Afrika (Organisation of African Unity (OAU)) ngonyaka ka-1963, nowaziwa namhlanje njenge-African Union (AU). Umbutho weManyano ye-Afrika (African Union), owenziwe ngamazwe angamalungu ayi-53, udibanisa amazwe ezwekazi le-Afrika ukuba abambisane ukujongana nemingeni eyahluka-hlukeneyo, efana neembambano zokuhlaselwa kweentlanga nezizwe zezinye, iinguqu kwiklayimethi, ubuhlanga nentlupheko.
3. Injongo yokukhumbula uSuku lwe-Afrika kukubhiyozela umanyano nenkcubeko ye-Afrika.
4. Esi sikhumbuzo siya kunika abantu ithuba lokucinga nzulu nokuba babe nolwazi ngeyantlukwano, ngokubandakanyeka komntu wonke nangobuhlanga phakathi kwabahlali naphakathi kwamaziko emfundo.
5. Kucelwa iinqununu nootitshala bafumane ixesha elifanelekileyo kwiveki yoSuku lwe-Afrika lokwazisa abafundi ngeendima zabo nemisebenzi eyimfanelo yabo njengabemi.
6. Apha kukwafakwe nesiHlomelo esinemisebenzi enokwenziwa ecetyiswayo.
7. Iifayili zomhobe we-AU (AU anthem) nazo zikwafumaneka ngokukhutshelwa kwiziko lewebhu lethu apha: http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za/index.php/student-parent-support/africa-day-celebrations
8. Ukufumana ingcaciso engaphezulu kucelwa uqhagamshelane no-Bridget Tobin, oliSekela leNgcali yeMfundo eyiNtloko yeHistory, kule dilesi ye-imeyili Bridget.Tobin@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefoni 021 467 2251.
9. Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:04:18

"Suggested activities"  (ubukhulu: 91 KB)
"African Union Anthem"  (ubukhulu: 29 KB)