1. I-Ofisi kaNondyebo wePhondo leNtshona Koloni (Western Cape Provincial Treasury), isebenzisana no-Nedbank kunye neSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), icela izikolo ukuba zingenele ukhuphiswano lokubhala isincoko, i-2016 Western Cape Bursary Competition.

2. Olu Khuphiswano lweeBhasari lunika abafundi beBakala 11 kwiphondo, abenza izifundo ezidibanisa i-Economics, iMathematics ne-Accounting, ithuba lokufumana iibhasari nezinye izipho eziyinkuthazo (incentives) zokuba baqhubele phambili ngezifundo zabo kula macandelo ezifundo eyunivesithi.

3. Iya kuba ziibhasari ezilishumi elinambini (12) ezona zininzi, kwakunye nebhaso lemali enjengoncedo lwezemali ngethuba lonyaka weBakala 12, eziya kunikwa abafundi abanenjongo yokufumana isidanga kwi-Economics (umz. B.Comm. [Economics]), kwi-Accounting (umz. B.Acc., B.Compt.), kwi-Commerce (umz. B. Bus.Science) okanye kwi-Mathematics kwiyunivesithi elapha eNtshona Koloni.

4. Iibhasari zezabafundi beBakala 11 abaye bagqwese (elona nqanaba lokupasa lisezantsi ngu-60%) ubuncinane kwizifundo ezibini kwezi, i-Economics, i-Mathematics ne-Accounting, nabakufaneleyo ukungena eyunivesithi ngo-2018. Abakufaneleyo ukungenela ukhuphiswano mababe ngabemi baseMzantsi Afrika, abahlala eNtshona Koloni, abanobuchule bokuthetha nokubhala isiNgesi.

5. Amabhaso ootitshala babafundi abaphumeleleyo:

  • I-laptop/ibhaso lemali elinikwa utitshala ngamnye wabafundi abangenele ukhuphiswano baza baphumelela kwindawo yoku-1, eyesi-2, neyesi-3.
  • Ibhaso eliyimali eyi-R5 000 elinikwa utitshala womfundi ngamnye wabanye abafundi abafumana iibhasari.
6. Kuza kucelwa iinqununu zezikolo zinike amagama ootitshala abachaphazelekayo.

7. Injongo yolu khuphiswano lwebhasari:

  • kukukhuthaza umdla kwi-Economics, Mathematics nakwi-Accounting namathuba amakhondo emisebenzi anokuthi abekho.
  • kukuphuhlisa ulwazi nezakhono kwi-Economics, Mathematics nakwi-Accounting.
  • kukuphuhlisa izakhono zokukwazi ukusombulula iingxaki nokukwazi ukucazulula idatha.
  • kukunika abafundi amathuba okufumana ulwazi ngeendlela zokwenza uphando (research methodology) nezakhono zokubhala izincoko.
  • kukunika abafundi amathuba okukwazi ukufikelela kwilizwe lempangelo nokukwazi ukuqhagamshelana nalo.
  • kukwenza abantu babe nolwazi ngemiba yezentlalo noqoqosho eMzantsi Afrika.
  • kukukhuthaza nokuwonga umsebenzi ogqwesileyo.
  • kukuphuhlisa iinkokeli zangomso kumacandelo ezifundo ze-Economics, Mathematics ne-Accounting.
8. Ixesha elisikelwe olu khuphiswano ngeebhasari liqala ngoMatshi 2016 ukuya kutsho ngoMatshi 2017.

9. Kucelwa ufunde isiHlomelo B esiqhotyoshelweyo ngokumalunga nesihloko sesincoko (esinikwe kuphela ngesiNgesi).

10. Kucelwa ukuba ufunde ezi zihlomelo ziqhotyoshelweyo ngokumalunga nokulandelayo:

  • Ifom yokungenela.
  • Irubrikhi yovavanyo emayisetyenziswe ize izaliswe ngootitshala ukuvavanya izincoko.
  • Isikhokelo sokubhalwa kwesincoko esisemgangathweni.
11. Kufuneka izikolo zikhethe abafundi abaqhuba kakuhle kwizifundo zabo ukuba bathathe inxaxheba kolu khuphiswano. Baya kucelwa ukuba babhale isincoko esimalunga namagama ayi-2 200. Abanye abafundi beBakala 11 beklasi ye-Economics banokubhala isincoko kwangesi sihloko sinye esinamagama ayi-600 awona maninzi.

12. Ikomiti yootitshala esikolweni iya kusebenzisa irubrikhi yovavanyo enikiweyo ukukhetha abafundi abathathu abagqwesileyo abayizalisekisayo eyona mfuno isezantsi imiselweyo engu-70% (isincoko neenkcazo-ntetho zomlomo) (oral presentations) zidibene)) ukuze bakwazi ukudlulela kumjikelo olandelayo wolu khuphiswano. Izincoko neemakhishithi zabo bafundi bagqwesileyo bathathu kunye nabo bonke abanye abafundi abaphumelele ngaphezu ko-70% mazingeniswe kwi-ofisi yesithili ukwenzela uvavanyo lwesigaba 2 (kwinqanaba lesithili) ungadlulanga owe-28 Oktobha 2016.

13. Iphaneli yovavanyo kwisithili ngasinye iya kuvavanya izincoko ezifanelekileyo ezivela kwizikolo ize ikhethe abagqwesileyo bokugqibela. Izincoko eziyi-10 ezigqwesileyo kwisithili ngasinye ziya kukhethwa yile phaneli zize zithunyelwe kwinqanaba lokugqibela (inqanaba lephondo) ungadlulanga owe-22 Novemba 2016.

14. Ezona zincoko zigqwesileyo ezingamashumi amabini (20), ziya kukhethwa yiphaneli ekhetha abokugqibela abagqwesileyo neya kwenziwa ngabameli bakwaNedbank, abe-Ofisi kaNondyebo wePhondo nabeSebe iWCED.

15. Abalishumi elinesihlanu, abona baninzi, abangene kumjikelo wokugqibela baya kucelwa ukuba beze kukhetho lokugqibela eKapa ngoMatshi/April 2017 - ngoLwesihlanu emva kwemini nangoMgqibelo oya kulandela iNtetho yeBhajethi yePhondo. Baya kucelwa ukuba benze inkcazo-ntetho yomlomo (oral presentation) ngeziphumo zophando lwabo nokuba baphendule imibuzo eya kubuzwa yiphaneli yokhetho. Ootitshala be-Economics babo bagqwesileyo bokugqibela baya kucelwa ukuba bahambe kunye nabo. Amalungu ephaneli yesithili semfundo aya kucelwa ukuba aye kwitheko lamabhaso ngokuhlwa kwangoMgqibelo.

16. Kucelwa ufunde isiHlomelo A esikunika iinkcukacha ezipheleleyo ngeemfuno ezimiselweyo zamangenelo (entry requirements), amaxwebhu okungenela (entry documents), amaxesha abekiweyo neekhrayitheriya zokugweba (adjudication criteria).

17. Imibuzo malunga nokubhalwa nokumakishwa kwesincoko, mayibhekiswe ngqo kubacebisi ngezekharityhulam be-Economics kwizithili zemfundo.

18. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala 11 be-Economics, Mathematics, Accounting nabe-Life Orientation ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:04:05

IsiHlomelo A: INGCACISO EBALULEKILEYO EYONGEZELELWEYO  (ubukhulu: 34 KB)
IsiHlomelo B: "Research Project Topic for Grade 11 Programme of Assessment (2016)"  (ubukhulu: 89 KB)
"The Western Cape Essay Competition - Entry Form"  (ubukhulu: 107 KB)
"The Guidelines for good essay writing"  (ubukhulu: 106 KB)