1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liqalisa inkqubo yekhompyutha i-eStrategy kule minyaka iyi-10 izayo yaye oku sekudluliselwe ngentla kwiWestern Cape Government (WCG) eLearning Game Changer (GC) ukufumana ingqwalaselo engqalileyo kule minyaka mithathu izayo. Njengenxenye yesicwangciso esiqhubeka okokoko seWCED, makuqhutywe uhlolo i-eReadiness assessment kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwezemfundo eneemfuno ezizodwa.

2. Injongo yohlolo i-eReadiness assessment kukuqiniseka malunga nemeko ye-ICT ngoku ezikolweni. Oku kuquka ingcaciso malunga neziseko zophuhliso ezikhoyo ze-ICT, ithekhinoloji, imigaqo-nkqubo, ukumiselwa kwenkxaso ejonge ekuphunyezweni kokuhlanganiswa kwe-ICT kunye nendlela esetyenziswa ngayo i-ICT ngoku.

3. Uhlolo i-eReadiness assessment lunamacandelo amathathu, icandelo ngalinye lenziwa kwisaveyi eyahlukileyo kusetyenziswa isixhobo sesaveyi i-"Monkey Survey":

  1. Isaveyi yeenqununu emalunga nethekhinoloji ekhoyo esikolweni;
  2. Ikhweshine eyenzelwe iinqununu; kunye
  3. Nekhweshine yootitshala.
4. Icandelo lokuqala, "The ICT technology assessment" linokufumaneka kule dilesi yekhompyutha ilandelayo, https://www.surveymonkey.com/r/WCED_ICT Kucelwa iinqununu ukuba zikhuphele okanye zichwetheze idilesi kwibrawuza yabo, zizalise ikhweshine ekhompyutheni yaye zingenise iimpendulo zazo ngokuklikha ku-"Submit" button.

5. 5. Icandelo lesibini, "The questionnaire for principals" linokufumaneka kule dilesi yekhompyutha ilandelayo, https://www.surveymonkey.com/r/WCED_Principal Kucelwa iinqununu ukuba zikhuphele okanye zichwetheze idilesi kwibrawuza yabo, zizalise ikhweshine ekhompyutheni yaye zingenise iimpendulo zazo ngokuklikha ku-"Submit" button

6. Icandelo lesibini, "The questionnaire for teachers" linokufumaneka apha kule dilesi yekhompyutha ilandelayo, https://www.surveymonkey.com/r/WCED_Teacher Kucelwa ootitshala ukuba bakhuphele okanye bachwetheze idilesi kwibrawuza yabo, bazalise ikhweshine baze bayingenise iimpendulo zabo ngokuklikha ku-"Submit" button.

7. Kucelwa uqaphele ukuba le khweshine ingafumaneka kuninzi lwezixhobo ezisebenzisa i-intanethi.

8. Kucelwa iinqununu ukuba zabelane ngale mbalelwano nabo bonke ootitshala yaye zincedise ekuzalisweni nasekusayinweni kweekhweshine ezisekhompyutheni ungadlulanga uLwesihlanu, we-8 Apreli 2016. Kucelwa ukuba uququzelele le nkqubo ngokucwangcisa ixesha kunye/okanye oomatshini ukwenzela ukuba ootitshala bathathe inxaxheba kule saveyi ibaluleke kangaka.

9. Ukufumana uncedo kungagamshelwana nomcebisi ngeze-eLearning ochaphazelekayo njengoko bedwelisiwe ngezantsi:

ISithili Abasebenzi Ifoni I-imeyili
Metro North Moederick Jacobs 021 938 3142 mojacobs@westerncape.gov.za
Metro East Rodney Nissen 021 900 7106 rodney.nissen@westerncape.gov.za
Metro East Jaco Joseph 021 900 7266 jaco.joseph@westerncape.gov.za
Metro East Sipho Didiza 021 900 7103 sipho.didiza@westerncape.gov.za
Metro South Deon Khan 021 370 2040 deon.khan@westerncape.gov.za
Metro South Trevor Francke 021 370 2058 trevor.francke@westerncape.gov.za
Metro Central Husain Mollagee 021 514 6967 husain.mollagee@westerncape.gov.za
West Coast Horatio Hart 021 860 1200 horatiowilfred.hart@westerncape.gov.za
Eden & Central Karoo Eastern Roux 044 279 1681 eastern.roux@westerncape.gov.za
Eden & Central Karoo Samuel Bouwers 044 803 8385 samuel.bouwers@westerncape.gov.za
Overberg Simonette du Plessis 028 214 7387 simonette.duplessis@westerncape.gov.za
Cape Winelands Leonard Cloete 023 348 4609 leonard.cloete@westerncape.gov.za
Cape Winelands Harriet Lakey 023 348 4611 harriet.lakey@westerncape.gov.za


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:03:11