1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lacelwa liSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke ukuba lazise zonke izikolo ezifundisa izifundo zobugcisa kwiPhondo leNtshona Koloni malunga nokuqaliswa kwezifundo zobungcali bezobugcisa (technical specialisation subjects) kuqukwa i-Technical Mathematics kunye ne-Technical Sciences zezikolo zobugcisa.
2. Zonke izikolo zazisiwe ngokusebenzisa iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam yeFET i-DCF 0005/2015 malunga nomhla wokuqalisa kwenkqubo leyo.
3. Impumelelo yokuqaliswa kwezifundo zobugcisa ezitsha, kuqukwa i-Technical Mathematics kunye ne-Technical Sciences, kuxhomekeke ekuqeshweni kwabasebenzi abanezakhono ezifunekayo kunye nolwazi lwekhontenti.
4. Ngoko ke kukho imfuneko yokuba kuqeqeshwe ootitshala abaya kufundisa izifundo zobugcisa ezitsha. IWCED ityumbe amaziko axhotyiswe ngokukuko akufaneleyo ukuqhuba uqeqesho lwaba titshala.
5. Kubalulekile ngoko ke ukuba bonke ootitshala abasuka kwizikolo zobugcisa basebenzisane ukuqinisekisa ukuba ootitshala abafundisa i-Civil, Electrical ne-Mechanical Technology, kwanabo titshala batyunjelwe ukufundisa i-Technical Mathematics kunye ne-Technical Sciences, baya kwiiseshoni zoqeqesho ezintlantlu mbini zeentsuku ezintlanu ukususela ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu ngethuba leeholide zesikolo zikaJuni noSeptemba ka-2016. Imihla ngqo neendawo ekuya kubanjelwa kuzo uqeqesho ziya kwaziswa kungekudala.
6. Izifundo zobungcali zobugcisa ze-CAPS (CAPS technical specialisation) sele ziqalisiwe kwiBakala 10 ngo-2016 yaye ziya kuqaliswa kwiBakala 11 ngo-2017. Ngoko ke, uqeqesho nokwazisa ngezakhono kootitshala beBakala 11 makuqhubeke ngo-2016.
7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala esikolweni sakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:03:09