1. I-Letterkundeondersteuningkomitee (LOK) imema bonke ootitshala besi-Afrikansi bamaBakala 10 no-12 ukuba beze kwiSimpoziyam ka-2016 eya kuba ngoMgqibelo we-20 Februwari 2016 ukuqala ngo-8:00 - 14:30 eDurbanville High School eDurbanville.
2. Eyona njongo iphambili yale simpoziyam kukunika inkxaso ukufundiswa koncwadi kodwa kuya kugxininiswa ngamandla kwezinye iinkalo zezifundo ezifana nokubhala negrama.
3. Iprogram yesimpoziyam iya kufumaneka kwiziko lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) phantsi ko-:Curriculum Development, http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za we-22 Januwari 2016. Klikha ku-"FET: Further Education and Training"; khetha u-"Languages" kwi-drop-down menu; emva koko ukhethe u-"Afrikaans"; uze uklikhe ku-"Downloads"; ukhethe u- "Onderwysbronne".
4. Intlawulo yokubhalisela iSimpoziyam ka-2016 yi-R100 kootitshala ukuze ibe yi-R75 kubafundi abasisigxina. Abantu abanomdla bangayidipozitha le mali kwi-akhawunti yetshekhi ye-LOK eNedbank, kule nombolo ye-akhawunti: 1089131240. Iitshekhi mazenziwe zibe zezihlawulwa kwi-LOK. Kucelwa usebenzise esi shunqulelo "LOK" negama lesikolo esichaphazelekayo njengesalathiso (reference) xa ufaka idipozithi yakho. Abacebisi bezifundo zesi-Afrikansi ne-Department of Afrikaans and Nederlands kwiYunivesithi yaseWestern Cape, baya kuthwala uxanduva lwamalungiselelo olawulo nokuqhubeka kweSimpoziyam ye-LOK.
5. Abalindeleke ukuba bathathe inxaxheba mabazalise le fom yokubhalisa iqhotyoshelweyo (isiHlomelo A), baze bayithumele ngefeksi kunye nobungqina bentlawulo ku-Nks Janine Pekeur weYunivesithi yaseWestern Cape kule nombolo yefeksi 021 959 1249 ungadlulanga owe-5 Februwari 2016. Xa ufuna ukunxibelelana noNks Pekeur, sebenzisa le nombolo yakhe yomnxeba : 021 959 2112 okanye usebenzile idilesi yakhe ye-imeyile: lokfeb@2015@gmail.com. Niyakhunjuzwa kwakhona ukuba nisebenzise esi shunqulelo "LOK" negama lesikolo esichaphazelekayo njengesalathiso.
6. Ootitshala abahamba umgama we-250 km okanye ngaphezulu (uhambo lokuya okanye olokubuya kuphela) kwisimpoziyam baya kubuyiselwa ngeehambo zabo ngokweentlawulo neenkqubo zeSebe iWCED. (Makufundwe iziHlomelo B - D malunga neefom zokugunyazisa uhambo (trip authority forms)). Bonke ootitshala abafaka amabango eendleko zohambo bayacelwa ukuba bazalise ifom yeBAS (isiHlomelo D) kwibhanki echaphazelekayo. Banokwenza ibango lesithuthi esinye ngesikolo ngasinye kuphela ngohambo.
7. Ukunceda abaququzeleli beSimpoziyam ye-LOK, bayacelwa ootitshala ukuba babambelele kule mihla ibekiweyo yobhaliso. Akuyi kwamkelwa zicelo zifike emva kwexesha.
8. Kucelwa wazise ngokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:01:26

IsiHlomelo A: "Registrasievorm - Loksimposium 2016"  (ubukhulu: 19 KB)
IsiHlomelo B: "Subsistence and transport claim"  (ubukhulu: 19 KB)
IsiHlomelo C: "Claim in respect of official journeys undertaken by privately owned motor transport"  (ubukhulu: 52 KB)
IsiHlomelo D: "BAS Entity Maintenance"  (ubukhulu: 14 KB)