1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liza kufundisa izifundo eziza kusasazwa ngqo, kusetyenziswa i-interactive Telematic platform (izifundo ezisasazwa ngethekhinoloji yesathalayithi) ukuqala ngoFebruwari - Novemba 2016.

2. Ezi zifundo ngoFebruwari noMatshi ziya kwenzelwa abafundi abakwiBakala 12 njengangoku kunye nabo abaza kubhala iimviwo zokuxabangela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC).

3. Abaviwa abaza kubhala iimviwo zokuxabangela bangaya kwizikolo ezine-Telematic ezikufuphi neendawo abahlala kuzo (jonga isiHlomelo B ukukhangela ezi zikolo). Kufuneka aba baviwa beze kwezi zifundo nezinto zabo zokubhala. Abaviwa abangakwazi ukufikelela kuso nasiphi na isikolo esifakwe kuluhlu olukwisiHlomelo B bangathenga izifundo zokubanika inkxaso ezikwii-DVD ngexabiso elifikelelekayo kwiSebe iWCED ngokuthi bafonele u-EDUMEDIA apha 021 689 9536. Jonga Kwicatalogue eqhotyoshelweyo.

4. Ezi zifundo ziya kwenzelwa la mabakala ahlukeneyo ngolu hlobo lulandelayo:

NgoFebruwari ukuya kuMatshi Abafundi beBakala 12 njengangoku kunye nabo babhala iimviwo zokuxabangela
Ngo-Apreli ukuya ku-Septemba AbeBakala 12
Ngo-Oktobha ukuya Novemba AbeBakala 11

5. Izifundo eziya kufundiswa zezi zilandelayo kumaBakala 11 no-12:

  • i-Mathematics
  • i-Physical Sciences
  • i-Accounting
  • i-Geography
  • i-Life Sciences
  • i-Business Studies
  • i-History
6. IsiHlomelo A esiqhotyoshelwe apha sinika uluhlu lwamaxesha-ezifundo.

7. Izihloko zezifundo zizakubhalwa kwiincwadana zabafundi abayakuzi – fumana kwisifundo ngasinye kwezi zisixhenxe. Inqununu mazibuze ku-Co-ordinator we-FET kwizithili zazo ukuba ezincwadana azifikanga ezikolweni zazo kwada kwangumhla we-22 Januwari 2016.

8. Abasasazi (presenters) ziincutshe zootitshala abakhethwe ngenxa yobungcali babo kwizifundo zabo.

9. Njengoko izifundo ziqhutywa emva kweeyure zesikolo apha evekini, kubaluleke gqitha ukuba iinqununu zixoxe ngamalungiselelo nabazali babafundi bamaBakala 11 no-12, kwakunye namabhunga olawulo azo.

10. Ukuya kwezi zifundo kwabafundi kuya kubekwa esweni rhoqo nguNdlunkulu nangamagosa ezithili zemfundo.

11. Kuya kulindeleka ukuba iinqununu zinike ingxelo ye-kota malunga nokubakho kwabafundi kwezi zifundo kwakunye nempumelelo okanye ubunzima ezibufumanayo malunga nale nkqubo.

12. Ukuba ninayo nayiphi na imibuzo ngale nkqubo, kucelwa ningalibazisi niqhagamshelane noDr G Schreuder, kule nombolo yefoni 021 467 2576 okanye ngale dilesi ye-imeyili Glynis.Schreuder@westerncape.gov.za

13. Kucelwa iinqununu zezikolo ezingena-Telematics zikhuthaze kwaye zincedise abaviwa abaza kubhala iimviwo zokuxabangela ukuba basebenzise eli thuba lihle kangaka balinikwayo.

14. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala abachaphazelekayo; abafundi bamaBakala 11 no-12 kunye nabazali babo okanye abagcini (guardians) babo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:01:13

IsiHlomelo A: "Telematics schedule for 2016"  (ubukhulu: 58 KB)
IsiHlomelo B: "Schools presenting lessons on Telematics platform"  (ubukhulu: 21 KB)
IsiHlomelo C: "Telematics catalogue and order form"  (ubukhulu: 868 KB)