1. Kucelwe iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liSebe leMfundo esiSiseko (iSebe iDBE) ukuba lazise zonke izikolo ezifundisa izifundo zobugcisa ngesikhokelo sethutyana sokuqaliswa kwezifundo ezikhethekileyo ezigxila kubugcisa (technical specialisation subjects), kubandakanywa ii-Technical Mathematics ne-Technical Sciences.

2. NgoMatshi 2016, kwapapashwa iSetyhula S1 ka-2016 liSebe iDBE ukunika ingcaciso ngemihla yokuqaliswa kokubhengezwe kwiGazethi kaRhulumente 39435 ye-20 Novemba 2015 nakwiSetyhula S15 ka-2015 yeSebe iDBE ngokunjalo.

3. ISetyhula S1 ka-2016 inika ingcaciso ngezilungiso ezidweliswe kwiSetyhula S15 ka-2015 nemihla yokuqaliswa koku ebhengezwe kwiGazethi kaRhulumente 39435.

4. Okuhamba neSetyhula S1 ka-2016 ibiluxwebhu olusisikhokelo sethutyana lokuqaliswa kwezifundo zobugcisa, kubandakanywa ne-Technical Mathematics ne-Technical Sciences.

5. Injongo yolu xwebhu lusisikhokelo sethutyana yayikukunika ingcaciso kwizithili nasezikolweni ngokuqaliswa kwezifundo ezikhethekileyo zobugcisa (technical specialisation subjects), kuqukwa i-Technical Mathematics ne-Technical Sciences.

6. Nakuba kunjalo, bekukho izimvo ezahlukeneyo malunga nokucaciswa kwemigqaliselo yomgaqo-nkqubo nemimiselo kwiGazethi kaRhulumente noxwebhu olusisikhokelo ngenxa yeemeko ezifundiswa phantsi kwazo ezi zifundo zobugcisa zichaphazelekayo.

7. Kwadraftwa uxwebhu olusisikhokelo sokuqaliswa kwezi zifundo oluhlaziyiweyo. Olu xwebhu lwapapashwa ngowe-21 Julayi 2016 yaye lumele ukufundwa nala maxwebhu omgaqo-nkqubo alandelayo:

  • I-National Policy Pertaining to the Programme and Promotion requirements of the National Curriculum Statement Grades R to 12;
  • I-Regulations Pertaining to the National Curriculum Statement for Grades R to 12;
  • I-National Policy Pertaining to the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate examinations;
  • I-Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate examinations;
  • I-National Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS; kunye
  • neSetyhula S15 ka-2015

Ayafumaneka la maxwebhu omgaqo-nkqubo kazwelonke angentla nemimiselo kwiziko lewebhu leSebe i-DBE apha www.education.gov.za phantsi ko-Resources- Policies.


8. Iinqununu maziqinisekise ukuba ukudityaniswa kwezifundo kwizikolo ezigxila kwizifundo zobugcisa (technical-focus schools) ziyazithobela i-National Policy Pertaining to the Programme and Promotion Requirements of the National Curriculum Statement for Grades R to 12, njengoko ifakelwe izilungiso. Kule mimiselo kukho nomqathango wokuba isikolo esigxininisa kwizifundo zekhondo lobugcisa (technical pathway) simele ukufundisa ezi zifundo zidityaniswe ngolu hlobo lulandelayo:

  • I-Mathematics ne-Physical Sciences;
  • I-Technical Mathematics ne-Technical Sciences; okanye
  • I-Mathematics ne-Technical Sciences.

Makuqatshelwe:

  • Umfundi akanakwenza i-Technical Mathematics ne-Physical Sciences.
  • I-Mathematical Literacy ayisayi kufundiswa njengenxalenye yepakheji yezikolo ezigxila kwizifundo zekhondo lobugcisa.
  • Abafundi abalandela eli khondo lobugcisa mabenze i-Engineering Graphics and Design njengesifundo esinyanzelekileyo.
9. Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abasesikolweni sakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:10:22

"Government Gazette 39435"  (ubukhulu: 4 550 KB)
"Interim guidelines for the implementation of technology and technical subjects"  (ubukhulu: 56 KB)