1. I-Poetry FOR LifeTM liphulo leqela labemi baseMzantsi Afrika eliphenjelelwe ngamatsha-ntliziyo emibongo kwamanye amazwe awathi aqalisa iphulo lokuvuselela ubugcisa bamandulo bokufunda nokucengceleza isihobe.
2. Kule minyaka ingephi idlulileyo, abantu abathanda isihobe eMerika, eCanada, e-Ireland nase-England baqalise kwilizwe ngalinye ukhuphiswano lukazwelonke lokucengceleza isihobe, nolubanjwa qho ngonyaka nolugqibela ngokuthi kubanjwe ukhuphiswano lwamazwe ngamazwe phakathi kwamazwe athatha inxaxheba. Kwilizwe ngalinye ukhuphiswano lwesihobe luqhutywa ngegama elahlukileyo kodwa injongo yalo iyafana – kukukhuthaza abafundi bezikolo eziphakamileyo ukuba bafunde yaye bacengceleze isihobe.
3. Ngenxa yokukhuthazwa yile njongo, i-Cambridge University ne-Commonwealth Education Trust, besebenzisana ne-South African Poetry Project (ZAPP) benze olu khuphiswano lwe-Poetry FOR LifeTM apha eMzantsi Afrika. Kuyathenjwa ukuba olu iya kuba lukhuphiswano lwaqho ngonyaka noluvuleleke kubafundi bamaBakala 10 ukuya kwele-12 abenza isiNgesi uLwimi lweeNkobe (Home Language) (HL) noLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (First Additional Language) (FAL)) kwilizwe liphela.
4. Olu khuphiswano luya kuba namacandelo amabini, yaye umfundi ngamnye ongenele ukhuphiswano, kuya kufuneka afunde yaye acengceleze imibongo emibini ekuludwe lwemibongo ekhethwe ngabaququzeleli. Ngo-2017 kukho imibongo yesiNgesi eyi-55 yamazwe ngamazwe kuludwe nesetyenziswa yiprogram yesihobe e-England; neyi-55 yaseMzantsi Afrika, ekhethwe yi-ZAPP (funda isihlomelo esiqhotyoshelwe apha ukufumana iinkcukacha zeprogram, ilisti yemibongo nefom yokungenela).
5. Kukhuthazwa zonke izikolo ukuba zibhalise yaye zithathe inxaxheba kolu khuphiswano ludala umdla.
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:10:04

Bylae A: "Important dates and details for the competition"  (ubukhulu: 44 KB)
Bylae B: "Poetry FOR LifeTM ANTHOLOGY – 2017"  (ubukhulu: 58 KB)
"Registration form – 2017"  (ubukhulu: 47 KB)