1. Ngokomgaqo-nkqubo kazwelonke nemimiselo esebenzayo xa kuqhutywa iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke nezeSatifikethi seMatriki (National Senior Certificate and Senior Certificate examinations), kubaluleke gqitha ukuba maziqhutywe ngentembeko ZONKE iimviwo.

2. Iimviwo zeprakhtikhali zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) nezeSatifikethi seMatriki (Senior Certificate) ze-Computer Applications Technology and Information Technology zilubeka emngciphekweni ukhuseleko lwedatha (security of data). Oku kubangelwa kukuba kukwasetyenziswa kwa ezi khompyutha zinye eluviweni zisetyenziswa ngexesha lezifundo nokuba kufuneka kukotshelwe (copied) abevi iifayili ezikwikhompyutha yalowo nalowo umviwa (individual computers). Ngako oko ukuqinisekisa ukhuseleko lwedatha kubaluleke gqitha ukuba sifuna ukuqinisekisa ukuthembeka kwezi mviwo.

3. Le ngcaciso imfutshane iqulethe imiyalelo ejolise ngqo kwimiba ethile NEMAYILANDELWE ngabo bonke abagadi babaviwa nabanye abasebenzi abachaphazelekayo kulawulo nasekuqhutyweni kweemviwo ezenziwa ngekhompyutha (computer-based examinations). Iinqununu nabaphathi bamaziko okubhalela iimviwo, abangamagosa oviwo, mabaqinisekise ukuba le miyalelo ilandelwa ngokuthe ngqo ngawo onke amaxesha.

4. Le Ngcaciso iMfutshane mayifundwe kunye neMimiselo Regulations pertaining to the Conducting, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate, Annexure G (Government Gazette No 31337 ye-29 Agasti 2008).

5. Apha kule ngcaciso imfutshane kuqhotyoshelwe ezi zicatshulwa zilandelayo. Kucelwa uqinisekise ukuba uyifundile le miyalelo iqulethwe kwizihlomelo yaye apho kuyimfuneko, uzizalisile iilisti zokutshekisha (cheklists) ezichaphazelekayo.
5.1 ISIHLOMELO A: Ezona mfuno zimiselweyo zisezantsi zokufundisa i-Computer Applications Technology and Information Technology).
5.2 ISIHLOMELO B: Imisebenzi eluxanduva neemfanelo.
5.3 ISIHLOMELO C: Iilisti zokutshekisha.

6. Bonke abagadi babaviwa nootitshala abatyunjelwe ukuncedisa ngethuba leemviwo zeprakhtikhali zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) nezeSatifikethi seMatriki (Senior Certificate) ze-Computer Applications Technology and Information Technology mabaye kwiiseshoni zoqeqesho eziququzelelwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED).

7. Kucelwa uqaphele ukuba inqununu, umgadi wabaviwa oyintloko, notitshala we-Computer Applications Technology kunye/okanye owe-Information Technology mababekho kwigumbi lokubhalela uviwo xa kukhutshelwa ii-CDs zokugqibela (when the final CDs are written). Mabazalise baze basayine ngokunjalo iilisti zokutshekisha (isiHlomelo C).

8. Kuvumeleke kuphela iiseshoni zoviwo ezimbini ezona zininzi. Oku kulandelayo ziishedyuli ezicetyisiweyo zeeseshoni zoviwo:
8.1 ISESHONI ENYE

INKCAZO IXESHA ELISIKELWE OKU UBUDE BEXESHA
Ukuhlala kwilebhu yekhompyutha   08:30 – 08:35
Inkqubo yokuloga ungene nokunika elinye igama ifolda yoviwo 15 imizuzu 08:35 – 08:50
Ixesha lokufunda 10 imizuzu 08:50 – 09:00
Iphepha 1 (Iprakhtikhali) 3 iiyure 09:00 – 12:00
Ukugqibezela ukutshekisha, ukuqokelela iifolda, nokukhuphela iCDs (burn CDs) 120 imizuzu (lixhomekeke kwinani labaviwa) 12:00 – 14:00
8.2 IISESHONI EZIMBINI

INKCAZO IXESHA ELISIKELWE OKU ISESHONI YOKUQALA ISESHONI YESIBINI
Ukuhlala kwilebhu yekhompyutha   07:30 – 07:35 13:00 – 13:05
Inkqubo yokuloga ungene nokunika elinye igama ifolda yoviwo 15 imizuzu 07:35 – 07:50 13:05 – 13:20
Ixesha lokufunda 10 imizuzu 07:50 – 08:00 13:20 – 13:30
Iphepha 1 (Iprakhtikhali) 3 iiyure 08:00 – 11:00 13:30 – 16:30
Ukugqibezela ukutshekisha, ukuqokelela iifolda, nokukhuphela i-CDs (burn CDs) 120 imizuzu (lixhomekeke kwinani labaviwa) 11:00 – 13:00 16:30 – 18:30
(Iseshoni yesibini inokuqala phambi kwexesha)

Makuqatshelwe: Apho kukho iiseshoni ezimbini, abaviwa nabazali babo MABAZISWE ngencwadi ebhaliweyo ngamalungiselelo. Abaviwa beseshoni yesibini mabafike kwiyure enye ngaphambi kokuphela kweseshoni yokuqala.


9. IINETHIWEKHI (NETWORKS)
9.1 Unxibelelwano lwee-PEER-TO-PEER networks aluboneleli ngamanqanaba afanayo okhuseleko njenge-server-based networks yaye aluvumelekanga. Izikolo mazenze lungasebenzi olu nxibelelwano (dismantle) ngexesha lokuqhutywa koviwo kwaye mazisebenzise iikhompyutha ezizisebenzela ngazodwa (stand-alone mode).
9.2 Apho kukho ubungqina bokuba iinethiwekhi ii-SERVER-BASED networks, azizinzanga (unstable) kunye/okanye ukhuseleko oluyimfuneko alunakuqinisekiswa, unxibelelwano lwazo malwenziwe lungasebenzi (dismantle) zize iikhompyutha zisetyenziswe njengezizisebenzela ngazodwa (stand-alone mode).

10. Kwezinye iinethiwekhi kunokwenzeka ukuba kugcinwe inkcazo (log) ngokuba ngubani na okhe wafikelela kwaye kweziphi na iifolda. Ukuba inethiwekhi inayo le fasilithi, mayenziwe isebenze le nkqubo ngexesha lokubhala iimviwo ize igcinwe emva kokugqitywa koviwo, ukwenzela ukuphendula imibuzo enokubuzwa emalunga nezitenxo ezinokubakho. Le fayili yenkcazo yelog mayikhutshelwe (copied) kwi-CD kunye neefolda zabaviwa.

11. Amagosa eSebe iWCED aya kutyelela iindawo zokubhalela iimviwo phambi kokuqala kokubhalwa koviwo ukuqinisekisa ukuba zonke iinethiwekhi nee-workstations zeekhompyutha ezizisebenzela ngazodwa (stand-alone workstations) zilungiselelwe ukusebenza kakuhle nokuba imiyalelo ekule ngcaciso imfutshane ithotyelwe.

12. Ukuba kumka umbane ngexesha lokubhala uviwo, makulandelwe le nkqubo ilandelayo:
12.1 Umphathi weziko lokubhalela iimviwo makazise ngoko nangoko abasemagunyeni baloo ngingqi (local authorities) kwaye makazame ukufumana apho kubo ukuba ngaba umbane uya kumka ithuba elingakanani na, ukuba oko kunokwenzeka.
12.2 ISebe i-WCED malaziswe ngoko nangoko ngokumka kombane.
12.3 Abaviwa mabahlale kwigumbi elineekhompyutha de ubuye umbane. Abaviwa mabangathethi omnye nomnye ngexesha belinde ukubuya kombane. Ixesha abaphulukene nalo ngethuba lokumka kombane liya kubuyiswa njengexesha elongeziweyo loviwo.
12.4 Ukuba emva kweeyure ezimbini (2), umbane awukabuyi, uviwo maluhlehliselwe elinye ixesha kwakuba kubhungiswene neCandelo loLawulo lweeMviwo leSebe iWCED.
12.5 Umsebenzi ogqityiweyo ngabaviwa mawugqithiswe uze ungeniswe kwiSebe iWCED kunye namaxwebhu.
12.6 Kwimeko apho uviwo luye lwarhoxiswa ngenxa yokumka kombane, abafundi mababhale iphepha i-backup paper ngomnye umhla omiselwe liSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke.
12.7 Kwimeko apho iiseshoni ezimbini zoviwo zicwangciselwe la maxesha oviwo alandelayo: kusasa nasemva kwemini, le nkqubo ingentla inokusetyenziswa kwezo seshoni zoviwo kumke ngazo umbane.

13. Kwimeko yokonakala kweekhomyutha (computer breakdowns) ngexesha loviwo, makulandelwe le nkqubo ilandelayo:
13.1 Abaviwa mabasuswe ngokukhawuleza basiwe kwezo zixhobo zizi-backup equipment, yaye abaviwa mabanikwe ixesha elongeziweyo elifanelekileyo.
13.2 Akukho xesha liya kongezwa ngenxa yomsebenzi ekuphulukenwe nawo kuba ungakhange ugcinwe ngokuchanekileyo (not correctly saved).
13.3 Abaviwa mabaligqibe iphepha lemibuzo yoviwo ngexesha elimisiweyo.
13.4 Makunikwe ingxelo epheleleyo malunga nemo yomonakalo owenzekileyo kwikhompyutha ndawonye nenyathelo elithatyathiweyo.

14. Ukungalandelwa ngqo kwale miyalelo ikule ngcaciso imfutshane kungakhokelela ekubeni kuthathwe amanyathelo oluleko nokuba kunokwenzeka kubekwe ityala kulowo ungayithobelanga imithetho esebenzayo.

15. Uvumelekile ukuba uqhagamshelane noMnu I Francis (kule nombolo yefoni: 021 467 2549) okanye kule dilesi ye-imeyili: Ighsaan.Francis@westerncape.gov.za ukuba ufuna ukucaciselwa ngokungaphezulu kunye/okanye ufuna uncedo.

16. Kucelwa uqinisekise ukuba ikopi yale ngcaciso imfutshane inikwa bonke ootitshala nabagadi babaviwa be-Computer Applications Technology and Information Technology.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:09:02

"Government Gazette No 31337 - Annexure G"  (ubukhulu: 218 KB)
IsiHlomelo A: Iimfuno zokufundiswa kwe-CAT ne-IT  (ubukhulu: 35 KB)
IsiHlomelo B: IMISEBENZI ELUXANDUVA OLUNYANZELEKILEYO  (ubukhulu: 45 KB)
IsiHlomelo C: IILISTI ZOKUTSHEKISHA  (ubukhulu: 113 KB)