1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lizimisele ukunika abafundi inkxaso ekumgangatho ophezulu ekufundeni ngamakhondo emisebenzi nokukhethwa kwamakhondo emisebenzi leyo ukwenzela ukuba abafundi babe nolwazi olululo lokwenza izigqibo ezizizo ngamakhondo emisebenzi yabo yexesha elizayo kwaye babe nako ukufumana ingqesho eyiyo.
2. Ukuphumeza le njongo iWCED ithenge i-Careers Matter Supplement njengesixhobo sokufunda ukuncedisa ootitshala boLwazi ngeZakhono zoBomi kumsebenzi wabo njengabaququzeleli kwinkqubo yophuhliso lwezakhono ukwenzela amakhondo emisebenzi kusetyenziswa inkqubo yemfundo eqingqiweyo kumaBakala 10–12.
3. Le saplimenti inika ingcaciso yokwenziwa kwezigqibo, ukuzazi ubuqu, amakhondo emisebenzi ahluka-hlukeneyo, izakhono zobugcisa noqeqeshelo-msebenzi (technical and vocational skills), abasebenzi bezobugcisa (artisans), amacandelo ezoqoqosho angundoqo, ezoshishino (entrepreneurship), izakhono ezinqabileyo, inkxaso-mali yezifundo, iibhasari, amaziko emfundo ephakamileyo kunye nokwenzekayo ngoku kuphuhliso lwezakhono ukwenzela amakhondo emisebenzi. Zonke ezi ngongoma zizihlokwana ezifumaneka phantsi kwesihloko, i-Careers and Career Choices, kumgaqo-nkqubo i-Life Orientation Curriculum Assessment Policy Statement (CAPS), kumaBakala 10–12.
4. Isikolo esiphakamileyo ngasinye siya kufumana iikopi eziyi-50 ze-Careers Matter kwiofisi yesithili. Kucelwa ootitshala bagcine ngokunqatyisiweyo ezi zinto zokufunda kwaye baxoxe ngazo ekuqaleni kwekota yesithathu ukwenzela ukuba abafundi beBakala 12 babe nako ukwenza izigqibo ezizizo.
5. Ukuba isikolo esichaphazelekayo asifumananga kopi zaso ze-Careers Matter kwade kwangowe-25 Julayi 2016, kucelwa ukuba uqhagamshelane neNtloko yoQuquzelelo neNgcebiso ngezeKharityhulam echaphazelekayo kwi-ofisi yesithili yakho.
6. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala boLwazi ngezoBomi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:07:04