1. IMimiselo i-Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate yangoMeyi 2014, icacisa imigaqo yomsebenzi wovavanyo okumgangatho ofanayo (CAT) weSifundo seLO osetwa yaye umodareyithwe ngaphandle.

2. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukwazisa izikolo ngenkqubo emayilandelwe kulawulo lwe-CAT yeSifundo seLO.

3. Ukuprintwa, ukupakishwa nokusiwa kweCAT yeSifundo seLO

ISebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) liya kuprinta amaphepha emibuzo eCAT yeSifundo seLO abo bonke abafundi kwiphondo ngokwedatha yobhaliso yokugqibela (final registration data) echazwe kwi-Centralised Education Management Information System (CEMIS) lize liwase kuzo zonke izikolo ezifundisa iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)).


4. Ukubhalwa kwe-CAT yeSifundo seLO
4.1 I-CAT yeSifundo seLO yinxalenye yamanqaku okupasa okugqibela kwiBakala 12 yaye ke ngoko zonke izikolo maziyibhale.
4.2 Umhla wokubhalwa kweCAT yeSifundo seLO nguLwesihlanu we-02 Septemba 2016, ukususela ngo-09:00 ukuya ku-11:00. Nakuphi na ukushenxa kulo mhla neli xesha, kuya kuthathwa njengesitenxo esixhomisa amehlo.
4.3 I-CAT yeSifundo seLO iya kuba nephepha eliziiyure ezimbini (2) elinamanqaku ayi-80. Iya kuthatha indawo yoMsebenzi 4 kwiKota 3 yaye iya kwenza i-20% yamanqaku okuphela konyaka (final mark) eSifundo seLO.
4.4 Zakuyifumana iinqununu imvulophu enamaphepha emibuzo, mazithwale uxanduva ngokupheleleyo njengaBagadi baBaviwa abaziiNtloko ukuqinisekisa ukuba iyathotyelwa yonke imiqathango nemigaqo emalunga neemviwo zeNSC.
4.5 Iinqununu maziyivule imvulophu ngomhla woviwo kukho nabafundi zize zikubeke esweni ukuhanjiswa kwamaphepha emibuzo.
4.6 Ootitshala abasifundisayo esi sifundo mabangabagadi abaviwa ababhala i-CAT yeSifundo seLO. Iinqununu maziqinisekise ukuba abagadi babaviwa bahlala bebagadile abaviwa ngeliso elibukhali lo gama bebhala i-CAT yeSifundo seLO.
4.7 Emva kokubhalwa kweCAT, amaphepha eempendulo makafakwe etywiniwe kwisingxobo (bag) ekubonelelwe ngaso aze agcinwe kwigumbi elinqatyisiweyo lesikolo kude kuqaliswe inkqubo yokumakishwa kwawo.
4.8 Amagama abafundi abanezizathu ezivokothekileyo nezamkalekileyo zokungabikho makabhalwe kwisiHlomelo A, esiqhotyoshelwe kule Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loVavanyo, size sithunyelwe nge-imeyili apha: Ragiema.Geldenhuys@westerncape.gov.za phambi kowe-05 Septemba 2016.
4.9 Iimviwo zokuxabangela ze-CAT yeSifundo seLO ziya kubhalwa ngoLwesibini, we-11 Oktobha 2016, ukususela ngo-09:00 ukuya ku-11:00. Iinqununu maziqinisekise ukuba iyathotyelwa yonke imiqathango nemigaqo emalunga neemviwo zeNSC.

5. Iingxoxo ngesikhokelo sokumakisha
5.1 Iintlanganiso zeengxoxo ngesikhokelo sokumakisha ziya kuqhubeka ukususela kwi-14 ukuya kwi-15 Septemba 2016.
5.2 Isikhokelo sokumakisha sokugqibela (final marking guideline) siya kunikwa ootitshala ungadlulanga owe-16 Septemba 2016, neencwadi zeempendulo zinokukhutshwa kuphela kwigumbi elinqatyisiweyo ngosuku ekuqala ngalo ukumakishwa kwazo.

6. Ukumakishwa kwe-CAT yeSifundo seLO
6.1 Ukumakishwa kwe-CAT kumele ukuqhutyelwa esikolweni phantsi kweliso lenqununu notitshala oneqhuzu okanye neNtloko yeSifundo ebambeleyo njengemodareyitha yangaphakathi.
6.2 Inkqubo yokumakisha imele ukuqala nge-16 Septemba 2016 yaye mayigqitywe ungadlulanga owe-30 Septemba 2016.

7. Ukumodareyithwa kobungqina babafundi
7.1 Ubuncinane yi-10% yeencwadi zeempendulo ezimakishiweyo esikolweni ezimele ukumodareyithwa ngutitshala oneqhuzu okanye yiNtloko yeSifundo.
7.2 Umcebisi wesifundo se-LO makamodareyithe isampula yeencwadi zeempendulo zezikolo ezikhethiweyo. Umcwangcisi wekharityhulam omkhulu weSifundo se-LO makangenise ingxelo kwiCandelo loLawulo loVavanyo engokumodareyithwa okwenziwe ngabacebisi bezifundo. Le ngxelo inokungeniswa kwiseshoni yokumodareyithwa kweCAT yeSifundo seLO.
7.3 Ukumodareyithwa kwe-CAT yeSifundo seLO kwiphondo kuya kuqhubeka ukususela ngowe-04 ukuya kowe-05 Oktobha 2016 kwi-Ofisi yeSithili i-Metro North Education District Office.

8. Ukufakwa kwamanqaku eCAT yeSifundo se-LO
8.1 Imakhishithi ekhethekileyo (special mark sheet) iya kunikwa izikolo ukwenzela ukufakwa kwamanqaku (recording of marks). Le makhishithi iya kuba yeyongezelelweyo (additional) kwimakhishithi eqhelekileyo ekhutshelwa iSifundo se-LO.
8.2 Imakhishithi ye-CAT (CAT mark sheet) mayithunyelwe kwiSebe i-WCED kunye nezinye iimakhishithi zovavanyo oluqhubekela esikolweni (school based assessment mark sheets).

9. Ziyacelwa iinqununu zenze amalungiselelo ayimfuneko okubhalwa kolu vavanyo.

10. Kucelwa wazise ngale ngcaciso kubo bonke ootitshala nabafundi beSifundo seLO ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:07:19

"Annexure A"  (ubukhulu: 106 KB)