1. UMphathiswa weSebe leMfundo esiSiseko ubhengeze izilungiso ezifakelwe kumgaqonkqubo nakwimimiselo emalunga ne-National Curriculum Statement Grades R to 12 and Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate (NSC) examination, ezithi ukufundiswa kweMathematika ne-Accounting okanye ne-Physical Sciences kusisinyanzelo ukususela ku-2016 kwiBakala 10.

2. ISebe leMfundo esiSiseko (ISebe iDBE) liwurhoxisile umhla wokuqaliswa kwezi zilungiso.

3. Imihla emitsha yokuphunyezwa kwezilungiso ezinyanzelisa ukufundiswa kweMathematika ne-Accounting okanye ne-Physical Sciences yile ilandelayo:

  • KwiBakala 10 ngo-2017;
  • KwiBakala 11 ngo-2018; kunye
  • nakwiBakala 12 ngo-2019.
4. Izikolo esele ziziphumezile ezi zilungiso azimele kuzitshintsha iindibanisela zezifundo (subject combinations) zazo. Kuvunyiwe ukwandiswa kwexesha ke ngoko ukulungiselela ezo zikolo zingakwazanga ukuziphumeza ezi zilungiso ngo-2016.

5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ngale ngcaciso kubo bonke abafundi nootitshala bamaBakala 9 no-10 bangoku, ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:05:13