1. Iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) beziqhutywa okokuqala ngqa ngokweNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo kaZwelonke (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) ngo-2014.
2. KwiSikhokelo i-Examination Guideline for Computer Applications Technology (CAT) esasithunyelwe ezikolweni ngo-2014, kwakufakwe no-Office 2007 an no-LibreOffice. Nakuba kunjalo, kwiimviwo zango-2016, ezi program azisayi kuvavanywa. Ukongeza apho, kubandakanywe iithekhnoloji ezintsha (new technologies) njengoko kumiselwe kwiCAPS.
3. Apha kule Ngcaciso iMfutshane kuqhotyoshelwe iSetyhula E8 yango-2016 yeSebe leMfundo esiSiseko (ISebe iDBE) kwakunye nesikhokelo esifakelwe izilungiso se-CAT nesithatha indawo yeso sasithunyelwe ngo-2014. Esi sikhokhelo soviwo sitsha siqalisa ukusebenza kulo nyaka ka-2016.
4. Isikhokelo soviwo siya kwenziwa sifumaneke nakwiziko lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) (makujongwe apha: http://wcedonline.pgwc.gov.za).
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ngale ngcaciso kubo bonke ootitshala nabaviwa beBakala 12 be-CAT ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:05:13

"DBE Circular E8 of 2016"  (ubukhulu: 194 KB)
"Computer Applications Technology Examination Guidelines Grade 12 2016"  (ubukhulu: 103 KB)