1.1 |
Ootitshala, abacebisi ngezekharityhulam nakubacwangcisi bezekharityhulam abakhulu abazanelisayo iikhrayitheriya (ezicaciswe kwisiHlomelo A), bayacelwa ukuba benze izicelo kwizithuba zokuba ngabamakishi kuviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) lwangoNovemba 2016 ukuya kutsho ngoNovemba 2017 kwakunye neemviwo zeSatifikethi seMatriki zika 2017 no-2018 kwezizifundo zidweliswe kwiTheyibhile 1 engezantsi. |
1.2 |
Abenzi-sicelo abatsha mabazalise le fom yesicelo ephawule ukuba sisiHlomelo B. |
1.3 |
Amagosa azifaneleyo ezi khrayitheriya zokuqeshwa (isiHlomelo A) navelisa ireyithi yokupasa yesikolo ka-70% kuviwo lweNSC lwangoNovemba 2015 kwisifundo esifundisiweyo, kucelwa ukuba enze izicelo zezi zithuba zikhankanywe apha kuleTheyibhile 1 engezantsi. |
2. |
Ukungeniswa kwezicelo (abenzi-sicelo abatsha) |
2.1 |
Bonke abenzi-sicelo abatsha mabaqhoboshele la maxwebhu alandelayo kwiifom zokwenza isicelo:
- Isivi (curriculum vitae).
- Ikopi yesazisi sakhe eqinisekisiweyo.
- Ikopi/iikopi eziqinisekisiweyo ze(e)rekhodi yezifundo zakhe.
- Ikopi eqinisekisiweyo yesatifikethi/ Iikopi eziqinisekisiweyo zezatifikethi zemfundo yakhe.
- Isiqinisekiso sokubhaliswa kwi South African Council of Educators (SACE) njengotitshala.
|
2.2 |
Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo:
Head: Education Attention: Mr M Cameron Directorate: Examinations Administration Western Cape Education Department 4th Floor, Grand Central Towers Lower Parliament Street CAPE TOWN 8001 |
2.3 |
Izicelo mazifike eWCED ungadlulanga owe-28 Apreli 2016. Ukuba unayo nayiphi imibuzo, kucelwa uqhagamshelane noMnu M Cameron kwifoni 021 467 2964. |
3. |
Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngokuqeshwa kwabo ngokubhalelwa incwadi yaye kuya kufuneka basayine imvumelwano neWCED. Enye imbalelwano ephathelele kwinkqubo yokumakisha iya kulandela kamva. |
4. |
Ukugcwaliswa kwefom yesiQinisekiso ngabamakishi abaqeshiweyo |
4.1 |
Abamakishi abaqeshwa ngo-2015 baaqeshwa isithuba seminyaka emithathu (three year period) ophantsi kwerivyu yaqho ngonyaka ukwenzela ukuqinisekisa ukuba ngaba bayazanelisa iikhrayitheriya zokuqeshwa. |
4.2 |
Aba bamakishi kumeleinto yokuba bazalise iFom yesiQinisekiso (i-Declaration Form) (IsiHlomelo C) ukuze kuzokuqinisekiswa okokuba basakulungele na ukuqeshwa kwabo kulo nyaka ka-2016. Zonke iiFom ezigcwalisiweyo kufuneka zibuyiselwe kuledilesi ingentla ungadlulanga umhla we-28 Apreli 2016. Ukuba ummakishi akayibuyiselanga lefom yesiQinisekiso ngalomhla obekiweyo, ummakishi lowo akasayi kuqesha ngo-2016. |
5. |
Uluhlu lwezifundo ezichaphazelekayo kuleNgcaciso iMfutshane zifumaneka kwiTheyibhile 1.
ITheyibhile 1: Uluhlu lwezifundo eziviwa kwi-NSC
IZIFUNDO |
IZIFUNDO |
Afrikaans Home Language |
Afrikaans First Additional Language |
Agricultural Sciences |
Computer Applications Technology |
English First Additional Language |
Information Technology |
IsiXhosa Home Language |
IsiXhosa First Additional Language |
Religion Studies |
Sesotho Home Language |
Setswana Home Language |
Visual Arts |
Afrikaans Second Additional Language |
Agricultural Technology |
Agricultural Management Practices |
Civil Technology |
Dance Studies |
Design (Theory) |
Dramatic Arts |
Engineering Graphics and Design |
Electrical Technology |
Hospitality Studies |
IsiXhosa Second Additional Language |
Mechanical Technology |
Music |
Tourism |
|
6. |
ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (DBE) kwakhona liqwalasela inkqubo yokumakishelwa ndawonye kwezifundo ezincinane ezikhethiweyo ngo-2016. Uluhlu lwezifundo luya kwaziswa kwabo banqwenela ukuba ngabamakishi nje ukuba lenziwe ukuba lifumaneke lisuka kwiDBE. Kwimeko apho olo luhlu lufumanekayo khona emva kokuba inkqubo yokuqesha abamakishi seyenziwe, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyakutshitshisa oko kuqeshwa kwenziweyo kwezo zifundo zikhethiweyo. |
7. |
Ukumakishwa kweencwadi zeempendulo zoviwo lweNSC ngomnye wemisebenzi ebaluleke kakhulu kwinkqubo yoviwo. I-WCED iyazingca ngokuqesha kwayo abamakishi abanobuchule nabanamabanga emfundo afanelekileyo. Ngako oko ke, iinqununu namanye amagosa amakhulu anika iingcebiso ngabamakishi mabakwenze oku ngokunyanisekileyo nangentembeko (must act in good faith). Kucelwa uqaphele ukuba ukunika ingcaciso engachanekanga kwifom yesicelo kuya kuthathwa njengobuqhophololo yaye kuya kusingathwa ngokufanelekileyo ngokoMthetho weNgqesho yooTitshala, ka-1998 (UMthetho 76 ka-1998). |
8. |
Kubaluleke kakhulu ukuba iinqununu, abalawuli bezithili, abaphathi beesekethe nabacebisi ngezekharityhulam bazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukwenzela ukuba bazazi iikhrayitheriya zokuqeshwa phambi kokungenisa izicelo zabo. ICandelo loLawulo loVavanyo alisayi kwamkela zigxeko ukuba ootitshala abaziswanga ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane. |
9. |
I-WCED ixhomekeke kwintsebenziswano nenkxaso yakho ngalo mba ubaluleke kangaka. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:04:11
|
|