1.1 |
Ootitshala, abacebisi ngezekharityhulam nakubacwangcisi bezekharityhulam abakhulu abazanelisayo iikhrayitheriya (ezicaciswe kwisiHlomelo A), bayacelwa ukuba benze izicelo kwizithuba zokuba ngabamakishi kuviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) lwangoNovemba 2016 ukuya kutsho ngoNovemba 2017 kwakunye neemviwo zeSatifikethi seMatriki zika 2017 no-2018 kwezizifundo zilandilayo zikhatshwa ziimvavanyo zobuchule : Accounting, Business Studies, Economics, English Home Language, Geography, History, Life Sciences, Mathematics, Physical Sciences, Consumer Studies ne-Mathematical Literacy. |
1.2 |
Abenzi-sicelo abatsha mabazalise le fom yesicelo ephawule ukuba sisiHlomelo B. |
2. |
Ukungeniswa kwezicelo (abenzi-sicelo abatsha) |
2.1 |
Bonke abenzi-sicelo abatsha mabaqhoboshele la maxwebhu alandelayo kwiifom zokwenza isicelo:
- Isivi (curriculum vitae).
- Ikopi yesazisi sakhe eqinisekisiweyo.
- Ikopi/iikopi eziqinisekisiweyo ze(e)rekhodi yezifundo zakhe.
- Ikopi eqinisekisiweyo yesatifikethi/ Iikopi eziqinisekisiweyo zezatifikethi zemfundo yakhe.
- Isiqinisekiso sokubhaliswa kwi South African Council of Educators (SACE) njengotitshala.
|
2.2 |
Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo:
Head: Education Attention: Mr M Cameron Directorate: Examinations Administration Western Cape Education Department 4th Floor, Grand Central Towers Lower Parliament Street CAPE TOWN 8001
|
2.3 |
Izicelo mazifike eWCED ungadlulanga owe-28 Apreli 2016. Ukuba unayo nayiphi imibuzo, kucelwa uqhagamshelane noMnu M Cameron kwifoni 021 467 2964. |
3. |
Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngokuqeshwa kwabo ngokubhalelwa incwadi yaye kuya kufuneka basayine imvumelwano neWCED. Enye imbalelwano ephathelele kwinkqubo yokumakisha iya kulandela kamva. |
4. |
Ukugcwaliswa kwefom yesiQinisekiso ngabamakishi abaqeshiweyo |
4.1 |
Abamakishi abaqeshwa ngo-2015 baaqeshwa isithuba seminyaka emithathu (three year period) ophantsi kwerivyu yaqho ngonyaka ukwenzela ukuqinisekisa ukuba ngaba bayazanelisa iikhrayitheriya zokuqeshwa. |
4.2 |
Aba bamakishi kumeleinto yokuba bazalise iFom yesiQinisekiso (i-Declaration Form) (IsiHlomelo C) ukuze kuzokuqinisekiswa okokuba basakulungele na ukuqeshwa kwabo kulo nyaka ka-2016. Zonke iiFom ezigcwalisiweyo kufuneka zibuyiselwe kuledilesi ingentla ungadlulanga umhla we-28 Apreli 2016. Ukuba ummakishi akayibuyiselanga lefom yesiQinisekiso ngalomhla obekiweyo, ummakishi lowo uchaphazelekaya uyakulahlekelwa sisikhundla sakhokwiqela labamakishi abeqeshwe nabo. |
5. |
Ukubhalwa kweemvavanyo zobuchule |
5.1 |
Ngo-2016, iWCED iya kuba iqhuba iimvavanyo zobuchule kwezi zifundo zilandelayo: Accounting, Business Studies, Economics, English Home Language, Geography, History, Life Sciences, Mathematics, Physical Sciences, Consumer Studies ne-Mathematical Literacy. |
5.2 |
Kuphela ngabenzi-sicelo abafumana amanqaku ayi-60% nangaphezulu kwiimvavanyo zobuchule abaya kuqatshelelwa ukuqeshwa njengamagosa angabamakishi. |
5.3 |
Abenzi-sicelo abaye babhala uvavanyo lobuchule kwi-Accounting, Business Studies, Economics, English Home Language, Geography, History, Life Sciences, Mathematics, Physical Sciences, Consumer Studies ne-Mathematical Literacy phakathi ko-2011 no 2015 nababefumene ireyithi yokupasa ye-60% nangaphezulu akukho mfuneko yokuba baphinde babhale uvavanyo lobuchule kwezi zifundo ngo-2016. Nakuba kunjalo, kukhuthazwa ootitshala ukuba babhale iimvavanyo zobuchule apho banqwenela ukuphucula iziphumo zabo. |
6. |
Amalungiselelo amalunga nokubhalwa kweemvavanyo zobuchule |
6.1 |
Kuya kwenziwa zonke iinzame zokuba kulungiselelwe abenzi-sicelo kwindawo ekwisithili semfundo sabo kufutshane nalapho bahlala khona. Ingcaciso ngeendawo ekuya kuqhutyelwa kuzo iimvavanyo zobuchule iya kwaziswa kumenzi-sicelo ngamnye ethubeni. |
6.2 |
Iimvavanyo zobuchule ziya kusekelwa kwikharityhulam yesifundo seNSC okanye kwiphepha nakubuchule bokumakisha obufanelekileyo (appropriate marking skills) kweso sifundo okanye kwelo phepha. Nakuba kunjalo, kwimeko ye-Economics ne-Geography, abenzi-sicelo baya kuviwa kwikhontenti yekharityhulam yawo omabini amaPhepha u-1 no-2 ngokulandelelanayo. Ngokubhekiselele kwi-English Home Language abenzi-sicelo baya kuviwa kwikhontenti yekharityhulam yamaPhepha 1, 2 no-3 ngokudibeneyo. |
6.3 |
Ithayimthebhile yokubhala iimvavanyo zobuchule:
IZIFUNDO |
UMHLA |
IXESHA |
Accounting Mathematics Paper 1 |
16/05/2016 |
14:30 – 16:30 14:30 – 16:30 |
Business Studies History Paper 1 Geography Paper 1 and 2 (Iphepha elinye) |
17/05/2016 |
14:30 – 17:00 14:30 – 17:00 14:30 – 17:00 |
Mathematical Literacy Paper 1 History Paper 2 |
18/05/2016 |
14:30 – 16:30 14:30 – 17:00 |
Physical Sciences Paper 1 Life Sciences Paper 1 |
19/05/2016 |
14:30 – 17:00 14:30 – 16:30 |
Physical Sciences Paper 2 Life Sciences Paper 2 Mathematical Literacy Paper 2 |
23/05/2016 |
14:30 – 17:00 14:30 – 16:30 14:30 – 16:30 |
Consumer Studies Mathematics Paper 2 |
24/05/2016 |
14:30 – 17:00 14:30 – 16:30 |
English Home Language Paper 1, 2 and 3 (Iphepha elinye) Economics Paper 1 and 2 (Iphepha elinye) |
25/05/2016 |
14:30 – 17:30 14:30 – 17:30 |
|
7. |
Ukumakishwa kweencwadi zeempendulo zoviwo lweNSC ngomnye wemisebenzi ebaluleke kakhulu kwinkqubo yoviwo. I-WCED iyazingca ngokuqesha kwayo abamakishi abanobuchule nabanamabanga emfundo afanelekileyo. Ngako oko ke, iinqununu namanye amagosa amakhulu anika iingcebiso ngabamakishi mabakwenze oku ngokunyanisekileyo nangentembeko (must act in good faith). Kucelwa uqaphele ukuba ukunika ingcaciso engachanekanga kwifom yesicelo kuya kuthathwa njengobuqhophololo yaye kuya kusingathwa ngokufanelekileyo ngokoMthetho weNgqesho yooTitshala, ka-1998 (UMthetho 76 ka-1998). |
8. |
Kubaluleke kakhulu ukuba iinqununu, abalawuli bezithili, abaphathi beesekethe nabacebisi ngezekharityhulam bazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukwenzela ukuba bazazi iikhrayitheriya zokuqeshwa phambi kokungenisa izicelo zabo. ICandelo loLawulo loVavanyo aliyi kwamkela zigxeko ukuba ootitshala abaziswanga ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane. |
9. |
I-WCED ixhomekeke kwintsebenziswano nenkxaso yakho ngalo mba ubaluleke kangaka. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:04:08
|
|