1. Kucelwa ukuba ootitshala, abacebisi ngezekharityhulam nabacwangcisi bezekharityhulam abakhulu abazanelisayo iikhrayitheriya ezicaciswe kwisiHlomelo A, benze izicelo kwizithuba zokuba yimodareyitha yangaphakathi, ummakishi oyintloko, nommakishi kwiiMviwo zeMfundo noQeqesho lwaBadala (ABET) zangoNovemba 2016.

2. Ukungeniswa kwezicelo
2.1 Zonke izicelo mazenziwe kwifom yesicelo eqhotyoshelweyo (isiHlomelo C) yaye mazihanjiswe kunye nefom ezaliswe ngokupheleleyo i-declaration form, nekopi yayo iqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane njengesiHlomelo D.
2.2 Bonke Abenzi-zicelo abatsha mabaqhoboshele la maxwebhu alandelayo kwiifom zabo zokwenza isicelo:

  • Isivi (curriculum vitae)
  • Ikopi yesazisi (ID) sakhe eqinisekisiweyo
  • Iikopi/iikopi eziqinisekisiweyo ze(e)rekhodi yezifundo zakhe
  • Ikopi eqinisekisiweyo yesatifikethi/Iikopi eziqinisekisiweyo zezatifikethi zemfundo
2.3 Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
Attention: Ms N Kanase
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
4th Floor Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN, 8001

Izicelo mazifike kwiSebe iWCED ungadlulanga owe-15 Epreli 2016.


3. Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngokuqeshwa kwabo ngokubhalelwa yaye kuya kufuneka basayine imvumelwano neSebe iWCED. Enye imbalelwano malunga nenkqubo yokumakisha iya kulandela kamva.

4. Ukumakishwa kweencwadi zeempendulo zoviwo lwe-ABET Level 4 ngomnye wemisebenzi ebaluleke gqitha kwinkqubo yoviwo. ISebe iWCED liyazingca ngokuqesha kwalo abamakishi abanobuchule nabanamabanga emfundo afanelekileyo. Ngako oko ke, abaphathi bamaziko namanye amagosa amakhulu anika iingcebiso ngabamakishi mabakwenze oku ngokunyanisekileyo nangentembeko (must act in good faith). Kucelwa uqaphele ukuba ukunika ingcaciso engachanekanga kwifom yesicelo kuya kuthathwa njengobuqhophololo yaye kuya kusingathwa ngokungqinelana noMthetho weNgqesho yooTitshala.

5. Kunyanzelekile ukuba abaphathi bamaziko, abalawuli bezithili zemfundo, abaphathi beze-IMG nabacebisi ngezekharityhulam bazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukwenzela ukuba babenolwazi ngeekhrayitheriya zokuqeshwa phambi kokungenisa izicelo. ICandelo loLawulo lweeMviwo alinako ukwamkela izigxeko ukuba ootitshala abaziswanga ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane.

6. ISebe iWCED lithembele kwintsebenziswano nenkxaso yenu kulo mbandela ubaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:03:23

isiHlomelo A: "Criteria for the appointment"  (ubukhulu: 60 KB)
isiHlomelo C: "Application for appointment"  (ubukhulu: 62 KB)
isiHlomelo D: "Declaration"  (ubukhulu: 64 KB)
"Employment of Educators Act"  (ubukhulu: 160 KB)