1.1 |
Kuye kwasetwa imisebenzi yovavanyo lweeprakthikhali (practical assessment tasks) (PAT) kwizifundo ezikhethiweyo liSebe leMfundo esiSiseko (DBE). |
1.2 |
Ezi PAT zivavanywa ngaphakathi ezikolweni zize zimodareyithwe ngamagqiza angaphandle kwalapha kwiphondo. |
2. |
Izifundo ezibandakanya i-PAT zezi: |
2.1 |
Agricultural Management Practices, Agricultural Technology |
2.2 |
Dance Studies, Design, Dramatic Arts, Music, Visual Arts |
2.3 |
Computer Applications Technology, Information Technology |
2.4 |
Consumer Studies, Hospitality Studies, Tourism |
2.5 |
Civil Technology, Electrical Technology, Engineering Graphics and Design, Mechanical Technology |
3.1 |
Lengcaciso emfutshane ihamba ne-CD enemisebenzi yovavanyo lweeprakthikhali ka-2016 kunye nezikhokelo zemisebenzi yovavanyo lweprakthikhali. |
3.2 |
Ezi zikhokhelo zincanyathiselweyo zePAT mazinikezelwe kootitshala abafanelekileyo ukwenzela ukuba zisetyenziswe ukubhajetha nokucwangcisela ukuqaliswa kwezi mvavanyo kwiikota ezintathu zokuqala zika-2016. |
3.3 |
Kuya kunikwa inkxaso ngabacebisi abachaphazelekayo kwezi zifundo (relevant subject curriculum advisers) abakwii-ofisi zezithili zemfundo ekuhambeni konyaka. Ngako oko ke kufuneka izikolo ziqinisekise ukuba ootitshala abachaphazelekayo bayaya kwiintlanganiso zesithili ezisingethe ukuvavanywa nokumodareyithwa kwee-PAT. |
4. |
Ziyacelwa iinqununu namagosa ezithili zemfundo ukuba zazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane ootitshala, abazali nabafundi ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:01:27
|
|