1. |
Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neSetyhula 0028/2011 - ISikhokelo emasilandelwe xa kusingethwe izibheno ezimalunga nokudlulela kwesinye isigaba nokupasa kwabafundi kwinqanaba lesikolo nakwelesithili. |
2. |
Ngokumalunga nokulawulwa kwezibheno kwinqanaba lesikolo, uyacelwa uqaphele oku kulandelayo: |
2.1 |
Ingcaciso efunekayo kwiifayili zootitshala, ubungqina bokufunda, iiprofayili zabafundi nobungqina bamaphulo ongenelelo ngoncedo ngokoMgaqo-nkqubo oyi-Screening, Identifying, Assessment and Support (SIAS) kwakunye nemizuzu yenkqubo elandelwe yikomiti yophando, mazibekho ukulungiselela amagosa aqhuba uphando ngezibheno. |
2.2 |
Umzali/umgcini womfundi makazalise iCandelo 1 lefom yesibheno (Part 1 of the appeal form) (isiHlomelo A), anike isizathu sokufaka isibheno ukuqinisekisa ukuba isibheno sisingathwa esikolweni. Izikolo mazisivume isibheno esivela kumzali, zenze uphando ngalo mbandela yaye zimnike isiphumo sesibheno umzali ngencwadi ebhaliweyo. |
2.3 |
Inqununu izalisa iCandelo (Part) 2 lefom yesibheno (isiHlomelo A), yazise umzali/umgcini womfundi ngesiphumo ngencwadi ebhaliweyo ize iyifayilishe ikopi. |
2.4 |
Umzali/umgcini womfundi uzalisa iCandelo (Part) 3 lefom yesibheno (isiHlomelo A), ecacisa ukuba ngaba isigqibo sesikolo samkelwe na okanye asamkelwanga nokuba ngaba angathanda ukufaka isibheno kumlawuli wesithili. |
3. |
Ngokumalunga nokulawulwa kwezibheno kwinqanaba lesithili, uyacelwa uqaphele oku kulandelayo: |
3.1 |
I-ofisi yomlawuli wesithili mayivume ukuba isifumene isibheno kumzali okanye kumgcini womfundi zingaphelanga iintsuku ezintathu zomsebenzi sakuba sifunyenwe isibheno (makufundwe isiHlomelo B). |
3.2 |
Umlawuli makasigqithisele kumququzeleli wovavanyo isibheno aze amcele aseke ikomiti yokuqhuba uphando. Ukuba isibheno sichaphazela isifundo okanye izifundo, okanye umfundi oneemfuno ezizodwa, makutyunjwe igosa (amagosa) elichaphazelekayo eliza kuncedisa kuphando. |
3.3 |
Umququzeleli wovavanyo makafake inombolo eyi-case number kwisibheno ngasinye esifakiweyo aze asirekhode isibheno kwiziko ledatha (database) (makufundwe isiHlomelo C). |
3.4 |
Ngokusekelwe kuphando olwenziwa ligqiza lezibheno (appeals panel) nawo onke amaxwebhu axhasayo abubungqina, umququzeleli wovavanyo uya kuyizalisa ingxelo (isiHlomelo D) neCandelo (Part) 4 lefom nganye yesibheno. La maxwebhu aya kungeniswa kumlawuli, oya kuwasebenzisela ukuzalisa iCandelo (Part) 5 lefom yesibheno nganye. |
3.5 |
Umququzeleli wesithili uya kumchazela umzali kunye nesikolo ngesiphumo sesibheno. Isigqibo somlawuli wesithili sesokugqibela. |
3.6 |
Umlawuli wovavanyo ungenisa iziko ledatha (databse) lezibheno kunye nengxelo yesithili eyongezelekileyo (cumulative district report) kwaNdlunkulu engaphelanga uFebruwari kunyaka ngamnye. |
4. |
IsiHlomelo E sicacisa amaxesha amisiweyo nemisebenzi eyimfanelo yabo bonke abachaphazelekayo yaye sicacisa indlela yokwenza ingxelo yokulawula izibheno kwinqanaba lesikolo nakwelesithili. |
5. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabazali ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-L ELY
INTLOKO YESEBE LEMFUNDO EBAMBELEYO
UMHLA: 2016:11:17
|
|