1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lifumene kutshanje oomatshini abasemgangathweni ophezulu bokuprinta nokuphakheja amaphepha emibuzo eSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) kunye namaphepha emibuzo eMfundo noQeqesho lwaBadala eemviwo ze-Level 4.

2. Ngoko ke sicela iinqununu/abaphathi bamaziko kunye/okanye abagadi babaviwa ukuba bathi qwa xa besusa amaphepha emibuzo kumagumbi anqatyisiweyo naphambi kokuba bakhuphele abaviwa amaphepha emibuzo.

3. Kucelwa iinqununu/abaphathi bamaziko kunye/okanye abagadi babaviwa abaziintloko ukuqinisekisa ukuba la manyathelo ayalandelwa xa kususwa amaphepha emibuzo kumagumbi anqatyisiweyo:
3.1 Iinqununu/abaphathi bamaziko kunye/okanye abagadi babaviwa abaziintloko mabaqinisekise ukuba imithwalo yamaphepha emibuzo iphakhejwa ukulungiselela iseshoni nganye yaye iibhokisi zeeseshoni zihlala zitywiniwe kude kube kushiyeke iyure enye phambi kokuba kuqaliswe loo seshoni ichaziweyo.
3.2 Xa sele kushiyeke iyure enye phambi kokuqalisa koviwo, inqununu/umphathi weziko makabizeke e-ofisini yakhe umgadi wabaviwa oyintloko (ukuba umsebenzi womgadi wabaviwa oyintloko udluliselwe komnye) kunye notitshala wesifundo oneqhuzu (senior subject teacher).
3.3 Bobathathu (3) aba bantu kufuneka bafunde ithayimthebhile ye-NSC okanye ithayimtheyibhile ye-AET Level 4 ukuqiniseka malunga nephepha loviwo eliya kube libhalwa kunye neseshoni leyo liya kube libhalwa ngayo.
3.4 Umgadi wabaviwa oyintloko notitshala wesifundo oneqhuzu mabakhaphe inqununu/umphathi weziko ukukhupha kwigumbi elinqatyisiweyo ibhokisi echanekileyo okanye isingxobo esinesixhobo sokutywina sasekhompyutheni i-Smart Locking Logic (SLL) esiphawulelwe loo seshoni yoviwo. Kuphela yinqununu/umphathi weziko ovumelekileyo ukungena kwigumbi elinqatyisiweyo. Maliphinde livalwe kwakhona igumbi elinqatyisiweyo.
3.5 Ibhokisi etywiniweyo okanye isingxobo esimnyama masithathwe sisiwe kwinqununu/kwi-ofisi yomphathi weziko. Ibhokisi etywiniweyo okanye isingxobo esimnyama eso masingqinisiswe ngokuthi kujongwe ithayimthebhile. Sisakuba singqinisisiwe, makuvulwe ibhokisi/okanye isingxobo esimnyama. Isingxobo ngasinye (isingxobo sangaphakathi) masitshekishwe ukuqonda ukuchaneka kwesifundo neseshoni leyo, oko kusenziwa ngabantu abathathu – beyenza loo nto NGOKUZIMELEYO. Kuphela sisingxobo sangaphandle ekufuneka ukuba xa kunjalo sivulelwe kwi-ofisi yenqununu/yomphathi weziko.
3.6 Irejista emva koko mayisayinelwe kwi-ofisi yenqununu/kwi-ofisi yomphathi weziko engqinisisa ukuba izingxobo ezo zitshekishiwe yaye isifundo nephepha elo ziyangqinelana neseshoni kunye nethayimtheyibhile yoviwo.
3.7 Izingxobo mazibuyiselwe kwisingxobo seseshoni esingaphandle zize emva koko zisiwe kwindawo yokubhalela uviwo.
3.8 Xa sele behleli ezitulweni bonke abaviwa neencwadi zeempendulo sele zikhutshiwe, makufundwe imigaqo yoviwo. Emva koko, makukhethwe abaviwa babe babini ukungqinisisa ukuba kuye kwaziswa amaphepha emibuzo achanekileyo kwindawo yokubhalela uviwo.
3.9 Abo baviwa bobabini mababoniswe isingxobo ngasinye ukuqinisekisa ukuba kukho amaphepha achanekileyo kwizingxobo ezo. Abo baviwa babini mabasayinele irejista yabo kwigumbi loviwo.
3.10 Izingxobo ngoku zinako ukuvulwa aze wona amaphepha emibuzo anikwe umgadi wabaviwa (abagadi babaviwa) kwidesika enkulu. Umgadi wabaviwa KUFUNEKA batshekishe iibhetshi zabo zamaphepha emibuzo ukuqinisekisa ukuba ziqulethe isifundo nephepha elichanekileyo. Xa sele lwenziwe utshekisho lokugqibela, amaphepha emibuzo anokukhutshelwa abaviwa umqolo wephepha loviwo olo lujongiswe kwicala lomviwa.
3.11 Ukuba uye wabhaqa iphepha lemibuzo elingachanekanga phakathi kwephepha/kwamaphepha aza kubhalwa, kucelwa utywine ngoko nangoko iphepha lemibuzo elichaphazelekayo yaye uqinisekise ukuba litshixelwe ngokukhuselekileyo kwigumbi elinqatyisiweyo. Kuchaze oku kuMnu Blackie Swart ku-082 409 8820 okanye ku-021 467 2057. 3.12
3.12 Kwakhona, kucelwa iinqununu/abaphathi bamaziko kunye/okanye abagadi babaviwa abaziintloko baqinisekise ukuba onke la manyathelo akhankanywe ngentla alandelwa ngokomgqaliselo (meticulously) phambi kokuba umviwa ngamnye afumane ikopi yephepha lombuzo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:11:07