1. Ulawulo nokubhalwa kweemviwo ngendlela eyiyo kuwo onke amaziko lubaluleke kakhulu ukuqinisekisa ukuthembeka nokunyaniseka kweziphumo zeemviwo. Ngokwemigaqo-nkqubo kazwelonke neyamaphondo iinqununu zezikolo nabaphathi bamaziko bamelwe kukuphendula ngazo zonke iimviwo eziqhutyelwa ezikolweni zabo.
2. Nangona kungalindelekanga ukuba ukubhalwa kweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) okanye ze-AET Level 4 kuya kuphazamiseka ngo-2016, kubaluleke kakhulu ukuba kwenziwe isicwangciso esibanzi solawulo lweemeko ezingaziziphazamiso (comprehensive risk management plan) liziko ngalinye ukwenzela ukuba libe nokusingatha nakuphi na ukuphazamiseka okungathi kuchaphazele ulawulo nokubhalwa kwezi mviwo.
3. Kwimeko yokukhutshwa ngobungxamo kwindawo ekubhalelwa kuyo uviwo, makwaziswe umphathi wekomiti yesekethe okanye umlawuli we-ofisi yesithili semfundo sakho ngoko nangoko ngesi siganeko. Umphathi wekomiti yesekethe okanye elinye igosa elityunjwe ngokusemthethweni kwi-ofisi yesithili semfundo, liya kuzama ukuya kwisikolo eso ngokukhawuleza ukwenzela ukuba liqinisekise ukuba alandelwe onke amanyathelo sisikolo. Eli gosa lityunjwe ngokusemthethweni lisuka kwi-ofisi yesithili malijongisise yonke imeko ngoqwalaselo olukhulu ukususela kwixesha elifike ngalo kweso sikolo.
4. Ukungenziwa kokukhutshwa ngobungxamo kwabaviwa ngokungqinelana ngqo neenkqubo ezibekiweyo kuya kuchaphazela ukuthembeka koviwo njengolungenachaphaza kwaye kungakhokelela ekubeni kwenziwe amanye amalungiselelo anjengokuphinda kubhalwe kwakhona elo phepha lichaphazelekayo ngomnye umhla.
5. Iinqununu mazixelele abaviwa ngesicwangciso sesikolo esenziweyo sokuqulela okungekehli, IsiHlomelo A, ukuba kuvele imeko efuna bakhutshwe ngobungxamo abaviwa neziphumo ezingathandekiyo ezingababeka engxakini enkulu abaviwa ukuba oko kukhutshwa ngobungxamo akwenziwanga ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo.
6. Kwimeko engalindelekanga mpela yokuba kufuneke ukuba uviwo lukazwelonke okanye lwephondo lubhalwe ngokutsha, iWCED iya kwazisa ngoko nangoko, zonke iinqununu emva kokuba kuthathwe isigqibo.
7. Iinqununu mazisebenzise olu luhlu lokutshekisha luqhotyoshelweyo, IsiHlomelo B, ukuzinceda ekuqapheleni iimeko ezingaziziphazamiso ekuqhutyweni ngempumelelo kweemviwo yaye mazenze esazo isicwangciso solawulo lweemeko ezingaziziphazamiso ngokungqinelana noku.
8. Nakuphi na ukuphazamiseka kwinkqubo yoviwo okanye ukuqhaqhwa kwamaphepha emibuzo angengawo abhalwayo ngelo xesha makuxelwe nako ngoko nangoko komnye wala magosa alandelayo eWCED:

Mnu HJ Swart, ifoni: 021 467 2057, iselula: 082 409 8820
Mnu AP Clausen, ifoni: 021 467 2945, iselula: 082 773 9980
Nksk T Singh, ifoni: 021 467 2541, iselula: 084 312 8333
Mnu BK Schreuder, ifoni: 021 467 2519, iselula: 082 373 5989

9. IWCED ininqwenelela okuhle kodwa kwezi mviwo zizayo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:09:24

IsiHlomelo A: Isicwangciso sokuqulela okungekehli ukwenzela ukusingatha iimeko zikaxaxeka  (ubukhulu: 54 KB)
IsiHlomelo B: Uluhlu lokutshekisha okungaziziphazamiso kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) nezeAET Level 4  (ubukhulu: 57 KB)