1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo 0022/2015, yowe-20 Novemba 2015, eyayicacisa ngenkqubo yokudlulela kwabafundi kwelinye ibakala kubafundi bamaBakala 10 nele-11. Ngenxa yomlinganiselo ophezulu wemibuzo ebhekiswa kumaSebe eMfundo amaPhondo emalunga nokusetyenziswa kweekhrayitheriya zokudlulela kwabafundi kwelinye ibakala kumaBakala 10 nele-11, iSebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education) (DBE) lakhupha iSetyhula E22 ka-2016 ecacisa ngaphezulu nekwanika isikhokelo ngokumalunga noku.

2. Injongo yeNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo 0022/2015 yayikukungqinelanisa iimfuno ezimiselweyo ezizezona zisezantsi zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ukwenzela ukuqinisekisa ukuba umfundi odluliselwa kwelinye ibakala uyazifezekisa iikhrayitheriya ezingundoqo, eziya kumnceda umfundi ukuba abe nako ukumelana nezinto ekulindeleke ukuba azenze zebakala elilandelayo.

3. Iikhrayitheriya ezazifakwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo 0022/2015, zichaziwe apha ngezantsi:
3.1 Umfundi KUFUNEKA abe kanti akaphumelelanga ukuzifezekisa iimfuno ezimiselweyo zokupasa nokuba zezeBakala 10 okanye ezeBakala 11, kwanokuba ebekhe waliphinda iBakala 10 okanye iBakala 11.
3.2 Umfundi KUFUNEKA abe ufumene u-30% kwizifundo ezine ubuncinane nemazibandakanye uLwimi lokuFunda nokuFundisa (Language of Learning and Teaching) (LoLT) lwesikolo.
3.3 Umfundi KUFUNEKA abe ngobehamba isikolo rhoqo yonke imihla. Ukungabikho esikolweni ithuba leentsuku ezingaphezu kwe-20, kungekho sizathu sibhaliweyo samkelekileyo ngokusemthethweni, kuya kumenza ukuba angakulungeli ukudluliselwa kwelinye ibakala.
3.4 Umfundi KUFUNEKA abe ngozanelisayo iimfuno ezimiselweyo ze-School-Based Assessment (SBA) zaloo nyaka wezifundo uchaphazelekayo.

4. Ngaphezulu, uMphathi weMfundo esiSiseko kazwelonke wanika imvume yokuba abafundi abadluliselwa kwelinye ibakala elilandelayo babe nako ukukhetha i-Multiple Examination Opportunity (MEO) ekubhaleni iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. Oku kuthetha ukuba abafundi abadluliselwe kwibakala elilandelayo, emva koviwo lokubalungiselela lukaSeptemba nangokusekelwe kwinkqubo yabo kuviwo lokubalungiselela, bangakhetha ukuzibhala zonke zozithandathu izifundo okanye ezinganeno kunephakheji yezifundo zozithandathu kuviwo lukaNovemba 2016. Izifundo ezisaleleyo ezingekabhalwa ziya kubhalwa ngoviwo lukaJuni ngo-2017.

5. Iinqununu KUFUNEKA ziqinisekise ukuba abafundi abachaphazelekayo nabazali kuyathetha-thethwana nabo malunga nenkqubo enokukhethwa eyi-MEO. Kubalulekile kwakhona ukuqaphela ukuba ukukhetha i-MOE kusebenza kuphela kubafundi abadluliselwa kwibakala elilandelayo.

6. Kucelwa iinqununu zizikhwebule ekubakhupheni kwiirejista abaviwa abaqhube kakubi ngethuba leemviwo zovavanyo (trial examinations) njengoko aba baviwa baya kuphulukana ngoko nangoko namanqaku e-SBA ababesele bewafumene ngokuqokeleleneyo (accumulated).

7. Fumana apha kule ngcaciso imfutshane kuqhotyoshelwe isikhokelo i-Guidelines for the Implementation of Promotion and Progression Requirements for Grade 10–11 (2016).

8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abafundi beBakala 12, ootitshala kunye nabazali esikolweni okuso ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:09:02

"Guideline for the Implementation of Promotion and Progression Requirements for Grades 10-11 2016"  (ubukhulu: 669 KB)