1. |
Ngo-2017 i-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) iya kuqhuba kwakhona iikhosi zophuhliso lootitshala, iinkomfa neesemina zeenqununu, ezamasekelanqununu, ezeentloko zezifundo kunye nezootitshala ezivunywe yi-SACE, ngethuba leekota zesikolo okanye ngeeholide zesikolo (isiHlomelo A). |
2. |
Zonke iikhosi eziya kuqhutywa yi-CTLI ngo-2017 ziya kufumaneka kwi-CTLI website: www.wcedctli.co.za ngomhla we - 14 ku Oktobha 2016. |
3. |
Ootitshala abanomdla wokuya kwezi khosi mababhalise kwiziko lewebhu (Inkqubo yokusayina neyokubhalisa icacisiwe kwisiHlomelo B). |
4. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuqesha ootitshala abaya kuba bebambele abanye ngethuba lokuqhubeka kweekhosi ekuya kuyiwa kuzo ngootitshala abasezikhundleni zona ziya kuqhubekela e-CTLI, ukuba ngaba:
- akukho titshala ungaphezu kwenani eliyimfuneko kwisikolo eso;
- utitshala osesikhundleni akangotitshala ohlawulwa libhunga lolawulo; yaye
- utitshala osesikhundleni akakho kweso sikhundla kuba ebambele omnye utitshala.
|
5. |
Luxanduva lwesikolo ukufuna nokutyumba utitshala ofanelekileyo onako ukubambela omnye utitshala oye ekhosini. |
6. |
Bayi-50 kuphela ootitshala abaya kubhaliselwa ikhosi nganye kwezi ziqhutywa ngethuba lekota yesikolo. |
7. |
Ukufumana ingcaciso engaphezulu ngamaphulo ongenelelo ngoncedo e-CTLI ngo-2016, kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana nomnye waba Baququzeleli beProgram be-CTLI balandelayo:
- Gavin de Bruyn, ifoni 021 900 5062, ifeksi 021 900 5114, i-idilesi ye-imeyili gavin.debruyn@westerncape.gov.za malunga nazo zonke iikhosi neesemina ze-School Management and Leadership Development.
- Magdalena Benn, ifoni 021 900 5016, ifeksi 086 614 5151, i-dilesi ye-imeyili magdelena.benn@westerncape.gov.za malunga nazo zonke iikhosi zeSigaba seSiseko ne-GET Language Solutions Conference.
- Natasha Fouche, ifoni 021 900 5018, idilesi ye-imeyili natasha.fouche@westerncape.gov.za malunga nazo zonke iikhosi zeSigaba esiPhakathi neSigaba esiPhakamileyo (Intermediate and Senior Phase) neNkomfa yeZisombululo zeMathematika yeGET (GET Mathematics Solutions Conference).
- Study Dangala, ifoni 021 900 5020, idilesi ye-imeyili study.dangala@westerncape.gov.za malunga nazo zonke iikhosi zeMfundo eneeMfuno eZizodwa (Special Needs).
- Christo Davids, ifoni 021 900 5039, ifeksi 086 731 6833, idilesi ye-imeyili christo.davids2@westerncape.gov.za malunga nawo onke amaphulo ongenelelo ngoncedo i-ICT Integration.
|
8. |
Kucelwa wazise bonke ootitshala okukule ngaciso imfutshane kubo bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:10:05
|
|