1. |
I-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) imema ootitshala bamaBakala R ukuya ku-7 ukuba bathathe inxaxheba kwiNkomfa yeziSombululo zeMathematika nokuba ngaba beza njengababhexeshi (presenters) okanye njengabathathinxaxheba. |
2. |
Injongo
Injongo yale Nkomfa yeMathematika kukunika imizekelo yeendlela enokufundiswa ngazo iMathematika ngempumelelo. |
3. |
Umhla, ixesha nendawo eya kuqhubekela kuyo inkomfa
Le nkomfa iya kuqhubeka ngoLwesibini, we-04 Oktobha 2016, ukuqala ngo-08:00 ukuya ku-15:00, ize ngoLwesithathu, we-05 Oktobha 2016, iqale ngo-08:00 ukuya ngo-13:00, e-Cape Teaching and Leadership Institute, e-Nooiensfontein Road, e-Kuils River. |
4. |
Ingcaciso eyenzelwe abo baza kubangababhexeshi |
4.1 |
Abo banomdla wokuba ngababhexeshi malunga nokufundisa iMathematika okanye umasifundisane omalunga "neyona ndlela ingcono yokufundisa eklasini" ("best classroom practice") kwinkomfa makakhokelwe koku kulandelayo:
- Isifundo okanye iphepha okanye umasifundisane omalunga "Nendlela endiyisebenzisayo" masisekelwe kwiiNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam neeMvavanyo zikaZwelonke (National Curriculum and Assessment Policy Statements) (CAPS) kumaBakala R ukuya kwele-12.
- Isifundo eso masifundise umba wesilabhasi yeMathematika webakala elithile.
- Abathathi-nxaxheba kwinkomfa mababandakanyeke kwisifundo okanye kumasifundisane, oko kukuthi, makwenziwe ingcaciso-ntetho ngendlela ekhuthaza ubandakanyeko lwabanye.
- Ixesha eliya kuthathwa malingadluli kwimizuzu eyi-60. Nika imizuzu eyi-5 ukuya kweyi-10 yeengxoxo zamaqela okanye imibuzo.
- Iindawo ekuya kuqhutyelwa kuzo iindibano ziya kuba neetafile eziphathekayo kunye nezitulo, idatha projektha, ivahedi projektha, izixhobo zee-interactive whiteboards, ezizezi: (Mimio ne Compujector), ivyuwa yamaxwebhu (AVER Visualiser) kunye ne-flipchart stand enephepha. Ifanitshala yendawo iya kucwangciswa ngohlobo lokuba ilungiselele iinkcazo-ntetho zabathathi-nxaxheba abangamaqela abayi-30 ubuninzi kwindawo nganye.
- I-CTLI kwakhona inalo ufikelelo lwe-WiFi olufumanekayo kwiindawo ekuqhutyelwa kuzo uqeqesho.
- Zonke iiwekhishithi zenkomfa ziyakuqokelelwa, ziprintwe zibe yincwadi. Lonto ithetha ukuthi akuyi kubakho mfuneko yokuba ababhexeshi benze iikopi ezongezelelekileyo ngaphandle kokuba abathathi-nxaxheba kufuneka basike okanye bawasonge amaphepha eewekhishithi.
- Makuthunyelwe iikopi ezifumaneka ekhompyutheni okanye ezingamaphepha okanye zingeniswe kumququzeleli weprogram phambi okanye nge-16 Septemba 2016.
|
4.2 |
Le nkomfa kwakhona ikhangela ababhexeshi abanokwabelana kunye nabathathi-nxaxheba "ngezona ndlela zingcono zokufundisa" ekusetyenzisweni kwe-Information and Communications Technology (ICT) ekufundeni nasekufundisweni kweMathematika eklasini. |
4.3 |
Ukuba unomdla wokubhexesha i-ayithem ethile kwinkomfa, kucelwa ukuba uzalise isiHlomelo A uze usibuyisele kuNks N Fouche kule feksi 086 443 6276 okanye kwidilesi ye-imeyili Natasha.Fouche@westerncape.gov.za ungadlulanga owe-19 Agasti 2016. |
5. |
Ingcaciso eyenzelwe abathathi-nxaxheba |
5.1 |
Kucelwa ootitshala abanqwenela ukuya kule nkomfa njengabathathi-nxaxheba ukuba bazalise iinkcukacha zabo kwifom yokubhalisa, eqhotyoshelwe njenge siHlomelo B. |
5.2 |
Makubuyiselwe isiHlomelo B esesizalisiwe kuNks Gaynor Matthews kwidilesi ye-imeyili Gaynore.Matthews@westerncape.gov.za okanye kwifeksi 086 601 4232 okanye 021 900 5013 okanye 021 900 5027 ungadlulanga uLwesihlanu, we-02 Septemba 2016. |
5.3 |
Ubhaliso luya kuvalwa nje ukuba abenzi-sicelo bokuqala abayi-300 babhalise e-CTLI. |
5.4 |
Le program yenkomfa iya kuquka indibano yabantu bonke kunye neeseshoni eziqhubeka kwamanye amagumbi ngaxeshanye. |
6. |
Amalungiselelo
Abathathi-nxaxheba okanye ababhexeshi abasuka kwii-ofisi zezithili ezisemaphandleni abahamba ngaphezu kwe-120 km ngohambo ngalunye olubuyayo banokulala kwindawo eyenzelwe oko e-Cape Teaching and Leadership Institute ngoMvulo, we-03 Oktobha nangoLwesibini, we-04 Oktobha 2016, ngeendleko zeWCED. Abaya ehostele banokubhukishela iihostele ukusuka ngo-13:00 ukuya ku-16:00 ngoMvulo, we-03 Oktobha. |
7. |
I-WCED iyathemba ukuba le nkomfa iya kuba lulutho iphuhlise ulwazi lwabo bonke ootitshala beMathematika abayayo kuyo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:08:05
|
|