1. AmaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke (National Teaching Awards) (NTA) athathela ingqalelo ukutshatshela kwezemfundo nemigangatho exhomileyo yokufundisa kwaye anika abo bakwinkonzo yezemfundo ithuba lokubhiyozela impumelelo yootitshala abamsebenzi utshatshele ngokukodwa.

2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED), ngako oko ke, linebhongo kukuba liza kubamba yaye liququzelele itheko lonyaka we-17 lephondo lokubonelelwa ngamabhaso, elandulela itheko loNyaka leNTA le-17.

3. Fumana apha kuqhotyoshelwe iSikhokelo seNgcaciso esikwikhompyutha (electronic version of the Information Guide), esineefom zokutyumba amagama neekhrayitheriya zokufaneleka. Ikopi eprintiweyo iya kuthunyelwa kuwo onke amaziko eWCED ekuqaleni kwekota yesithathu.

4. Kucelwa bonke ootitshala, amabhunga olawulo namagosa ezithili ukuba bangenise amagama abatyunjiweyo ngokusekelwe kwiikhrayitheriya ezikwesi Sikhokelo seNgcaciso, kwiinqununu zabo okanye kubaphathi bamaziko abo.

5. Ootitshala abafanele ukuwongwa banokutyunjwa kwezi ndidi zilandelayo:

  • UkuTshatshela ekuFundiseni iBakala R
  • UkuTshatshela ekuFundiseni kwiZikolo eziziiPrayimari (AmaBakala 1 - 7)
  • UkuTshatshela ekuFundiseni kwiZikolo eziziiSekondari (AmaBakala 8 - 12)
  • UkuTshatshela kuBunkokeli kwiZikolo eziziiPrayimari
  • UkuTshatshela kuBunkokeli kwiZikolo eziziiSekondari
  • UkuTshatshela ekuFundiseni kwiMfundo eneeMfuno eziZodwa nakwiMfundo eBandakanya Bonke aBafundi
  • UkuTshatshela kwiThekhinoloji - iBhaso lokuFunda nokuFundisa okuPhuculweyo
  • UkuTshatshela ekuFundiseni iMathematika (FET)
  • UkuTshatshela ekuFundiseni iFizikhali Sayensi (Physical Sciences) (FET)
  • IBhaso leMpumelelo kwezeMfundo ngeXesha lonke loKuphila
6. Kucelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba bathumele iifom ezinamagama abatyunjiweyo ezizaliswe ngokupheleleyo kwii-ofisi zezithili zazo ukulungiselela ukuba ziqwalaselwe ngabaququzeleli bezithili. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli wesithili ochaphazelekayo nodweliswe apha ngezantsi:

ISithili UMququzeleli weSithili/-aBaququzeleli beSithili Iinkcukacha zoqhagamshelwano Idilesi ye-imeyili
Metropole East Nks Genevieve Rhode 021 900 7035 Genevieve.Rhode@westerncape.gov.za
Mnu Keith de Wet 021 900 7036 Keith.DeWet@westerncape.gov.za
Metropole Central Nks Lesley Hutchings 021 514 6945 Lesley.Hutchings@westerncape.gov.za
Metropole North Mnu Trevor Adams 021 938 3016 Trevor.Adams@westerncape.gov.za
Mnu Owen Weeder 021 938 3174 Owen.Weeder@westerncape.gov.za
Metropole South Mnu Rowan Esau 021 370 2016 Rowan.Esau@westerncape.gov.za
Cape Winelands Mnu Alton Koenze 023 348 4673 Alton.Koenze@westerncape.gov.za
Mnu Bertram Jacobs 021 348 0633 Bertram.Jacobs@westerncape.gov.za
Eden & Central Karoo Mnu David Sampson 044 803 8341 David.Sampson@westerncape.gov.za
Overberg Mnu Edward Kies 028 214 7367 Edward.Kies@westerncape.gov.za
West Coast Mnu Avril Daniels 022 719 1809 Avril.Daniels@westerncape.gov.za
Mnu George Claasen 027 213 1795 George.Claasen@westerncape.gov.za

7. Kucelwa niqwalasele ezi zicatshulwa zilandelayo kwisikhokelo sokutyumba abafanelekileyo:

  • "Inqununu/usihlalo wekomiti yokutyumba amagama afanelekileyo makaququzelele intlanganiso yokutyumba amagama afanelekileyo neya kudibanisa iBhunga loLawulo leSikolo (SGB) ukwenzela ukuxoxa ngenkqubo yokutyumba amagama.
    ("The principal/chairperson of the nomination team must organise a nomination meeting that would include the School Governing Body (SGB) to discuss the nomination process.)
  • Ootitshala namalungu eSGB esikolo mabafundisise iimfuno ezimiselweyo zeekhrayitheriya zodidi ngalunye baze benze uluhlu lweempawu okanye lwezinto eziqaqambileyo ezingqinelana nezo khrayitheriya zithile zinikiweyo kwabo baza kutyunjwa.
    (The staff and the SGB members of the school must study the criteria requirements of each category and draw up attributes or qualities that would match their nominees with particular given criteria.)
  • Bakuba betyunjiwe ootitshala/iikomiti ezifanelekileyo, amagama abo makabhalwe kwii-Nomination Forms ezinikiweyo.
    (Once suitable teachers/teams have been nominated, their names must be filled in on the Nomination Forms provided.)
  • Amagosa esithili/engingqi nawo anokutyumba amagama ngokuthetha-thethana nesitraktsha solawulo lwesikolo.
    (District/Regional officials may also nominate in consultation with the school governance structure.).
8. Ngootitshala abahlanu abona baninzi abanokwenza ikomiti yodidi ngalunye.

9. Umhla wokuvalwa kokungeniswa kwazo zonke iifom zamagama abatyunjiweyo athunyelwa kubaququzeleli bezithili ngowe-02 Agasti 2016.

10. Abo bafikelele kumjikelo wokugqibela (finalists) kwizikolo ezisebenzisanayo (cluster) nakwiphondo (abaphume phambili nabaphume isibini (winners and runners-up) baya kufumana umntu ngamnye iivawutsha ze-Information and Communication Technology (ICT) zamaxabiso ahlukeneyo emakuthengwe ngazo izinto kumboneleli-nkonzo ze-ICT owaziwayo (reputable ICT service provider), o.k.t.:

Inqanaba Ixabiso le-ICT voucher
Abaphume phambili kwizikolo ezisebenzisanayo R 4 000
Abaphume kwindawo yesibini neyesithathu (Abaphume kwindawo yesi-2 neyesi-3) R 2 000
Abaphume phambili kwiphondo R 12 000
Abaphume kwindawo yesibini kwiphondo R 7 000

11. Ukongeza, ngasinye isikolo kweziphumeleleyo siya kufumana ibhaso eliyimali eyi- R 5 000 (kwizikolo ezisebenzisanayo) ne-R 7 500 (kwiphondo) isikolo ngasinye ngalowo uphume phambili, nemayisetyenziselwe ukuphucula umgangatho womsebenzi wokufundisa kootitshala abafundisayo ukwenzelwa ukuphucula indlela yokufundisa eklasini.

12. AmaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke axhaswa yiNtloko yeSebe leMfundo, yimibutho yabasebenzi, yimibutho yamabhunga olawulo nanguMphathiswa wePhondo ojongene nezeMfundo.

13. Kukhuthazwa bonke abahlali abayinxalenye yesikolo (school community) ukuba bathathe inxaxheba ekutyumbeni ootitshala abafanele ukungenela amaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke.

14. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abafundisayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:06:23

"NTA 2016 Information Guide"  (ubukhulu: 381 KB)
"Nomination form 2016"  (ubukhulu: 148 KB)