1. I-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) imema ootitshala beeLwimi bamaBakala R – 7 ukuba bathathe inxaxheba kwiNkomfa yeziSombululo zoLwimi nokuba bakwenza oko njengabachazi-ntetho (presenters) okanye abathathinxaxheba.

2. Injongo

Injongo yeNkomfa yeziSombululo zoLwimi kukunika imizekelo enokusebenziseka yeendlela ekunokufundiswa ngazo ulwimi ngempumelelo.


3. Umhla, ixesha nendawo eya kuqhubekela kuyo inkomfa

Le nkomfa iya kuqhubeka ngoLwesibini, nge-28 Juni 2016, ukuqala ngo-08:00 – 15:00, ukuze ngoLwesithathu, nge-29 Juni 2016, iqale ngo-08:00 – 14:00, e-Cape Teaching and Leadership Institute, e-New Nooiensfontein Road, e-Kuils River.


4. Ingcaciso kwabo baza kwenza inkcazo-ntetho
4.1 Ootitshala abanomdla ekwenzeni inkcazo-ntetho kwisifundo solwimi okanye iphepha elimalunga "neyona ndlela ibhetele yokufundisa ulwimi eklasini" ("best classroom practice") kwinkomfa mabakhokelwe koku kulandelayo:

  • Isifundo, iphepha okanye umasifundisane omalunga "Nendlela endiyisebenzisayo yokufundisa" masisekelwe kwiiNkcazelo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo kaZwelonke (National Curriculum and Assessment Policy Statements) (CAPS) zamaBakala R - 7.

  • Isifundo eso masifundise umba wekharityhulam yolwimi wesigaba esithile.

  • Abathathi-nxaxheba kwinkomfa mababandakanyeke kwisifundo okanye kumasifundisane, oko kukuthi, makwenziwe inkcazo-ntetho ngendlela ekhuthaza ubandakanyeko lwabanye.

  • Ixesha eliya kuthathwa: yimizuzu eyi-60. Nika imizuzu eyi-5 - 10 yeengxoxo zamaqela okanye yemibuzo.

  • Indawo nganye ekuya kuqhutyelwa kuyo iindibano iya kuba nedatha projektha, i-interactive whiteboard, ne-flipchart stand enephepha. Ifanitshala yendawo iya kulungiselelwa ukuququzelela iinkcazo-ntetho zamaqela abathathi-nxaxheba abayi-30 ubuninzi kwindawo nganye.

  • Abenzi benkcazo-ntetho mabalungise baze bangenise zonke iiwekhishithi zenkomfa e-CTLI. Zonke iiwekhishithi ziya kuqokelelwa ziprintwe zibe kuhlobo lwencwadi. Oku kuthetha ukuba abenzi benkcazo-ntetho abasayi kufuneka ukuba bazise iikopi ezingaphezulu zezinto zokufunda eziprintiweyo, ngaphandle kokuba abathathi-nxaxheba kuye kwafuneka ukuba basike okanye basonge amaphepha eewekhishithi. Umhla osikelwe ukungeniswa kweewekhishithi kwi-CTLI ziiveki ezisixhenxe phambi kokuba iqale inkomfa, ngowe-06 Meyi 2016.

  • Ukuba kunokwenzeka, zonke izinto zokufunda mazitayitshwe zize zithunyelwe nge-imeyili. I-CTLI iya kwenza iikopi zezo zinto zokufunda.
4.2 Le nkomfa kwakhona ikhangela abenzi benkcazo-ntetho abanokwabelana nabathathi-nxaxheba "ngezona ndlela zibhetele zokufundisa" ekusetyenzisweni kwengcaciso nonxibelelwano ngethekhinoloji ekufundeni nasekufundisweni kolwimi eklasini, ngokunjalo nemizekelo enokusebenziseka yeendlela apho ulwimi (IsiAfrikansi, isiNgesi nesiXhosa) zinokusetyenziswa ngempumelelo kwiklasi enabafundi abaneziphiwo ngokwahlukeneyo zokulandela izifundo.
4.3 Ukuba unomdla wokwenza inkcazo-ntetho kwinkomfa, kucelwa uzalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo uze usibuyisele kuNks M Benn kwifeksi 086 614 5151 okanye kule dilesi ye-imeyili Magdelena.Benn@westerncape.gov.za engadlulanga uLwesihlanu, we-06 Meyi 2016.
4.4 Iseshoni yengcaciso noqeqesho iya kwenzelwa bonke abenzi benkcazo-ntetho nge-28 Meyi 2016.

5. Ingcaciso eyenzelwe abathathi-nxaxheba
5.1 Kucelwa ootitshala abanqwenela ukuya kule nkomfa njengabathathi-nxaxheba ukuba bazalise iinkcukacha zabo kwifom yokubhalisa kwisiHlomelo B.
5.2 Makubuyiselwe isiHlomelo B esesizalisiwe kule dilesi ye-imeyili kuNks P. Tutani kule dilesi ye-imeyili Phelokazi.Tutani@westerncape.gov.za okanye kule feksi yefeksi 021 900 5013 /5027 / 5162 / 086 614 5581 engadlulanga uLwesihlanu, we-13 Meyi 2016.
5.3 Ubhaliso luya kuvala nje ukuba abathathi-nxaxheba abayi-300 bokuqala bebhalisile.

6. Amalungiselelo

Abathathi-nxaxheba okanye abenzi benkcazo-ntetho abasuka kwii-ofisi zezithili ezisemaphandleni abahamba ngaphezu kwe-120 km ngohambo ngalunye lokuya nokubuya banokulala kwindawo eyenzelwe oko e-Cape Teaching and Leadership Institute ngobusuku bangoMvulo, we-27 Juni 2016 nangoLwesibini, we-28 Juni 2016.


7. I-CTLI iyathemba ukuba le nkomfa iya kuba lulutho kakhulu kubo bonke ootitshala beeLwimi abayayo kuyo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:04:08

IsiHlomelo A: IFOM YOMENZI WENKCAZO-NTETHO  (ubukhulu: 11 KB)
IsiHlomelo B: IFOM YOBHALISO LOMTHATHI-NXAXHEBA  (ubukhulu: 35 KB)