1. Ukhuphiswano lwesihlanu lwaqho ngonyaka lukazwelonke i-National Schools Moot Court Competition kubafundi bamabakala abadala (AmaBakala 10-11) eMzantsi Afrika, luya kuqhubeka phakathi koJuni no-Agasti 2015. Olu khuphiswano lunika abafundi amathuba awodwa okuphuhlisa izakhono zabo zophando, zokubhala nokwenza intetho xa bequbisene nemiba echaphazela umgaqo-siseko ilizwe lethu elijongene nayo.
2. I-Moot Court iya kuqhutywa ngokuthi kuthathwe inxaxheba ziifakhalthi zomthetho zeeyunivesithi ezininzi, ngurhulumente (iSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko neSebe leMfundo esiSiseko ngokuthe ngqo), ziingcali zomthetho eziqeqeshiweyo, ziinkundla namajelo eendaba (media). Ezi Yunivesithi ; i-Pretoria, i-Venda, i-Cape Town nayaseWestern Cape, ziya kwenzela abafundi amalungiselelo olu khuphiswano.
3. Ulwimi oluya kusetyenziswa kwesi siganeko iya kuba sisiNgesi kodwa abathathinxaxheba baya kuvunyelwa basebenzise naluphi na olunye ulwimi kwezaseburhulumenteni kumjikelo wokugqibela. Ziyacelwa zonke izikolo eziziisekondari eMzantsi Afrika ukuba zingenele olu khuphiswano, yaye ibe ngamaqela amahlanu angawona maninzi isikolo esinokuwabhalisa. Iqela ngalinye liya kuba nabafundi ababini. Amaqela aya kunikwa ingxaki enokuba yinyani okanye ingabi yinyani (okanye "engekaqinisekiswa (hypothetical)") nechaphazela umba (imiba) womgaqosiseko. Umjikelo wokuqala uya kuba kwimo ebhaliweyo. Abafundi balindeleke ukuba babhale izincoko ezibini ezifutshane, eziphikisanayo zamacala amabini etyala elithile kusekelwe kumthetho weRiphabliki yoMzantsi Afrika ngendlela ecacisa nekhuthaza iimbono ezithile. Ukwenzela ukunceda onke amaqela abe nethuba elihle kukhuphiswano, amaxwebhu abhaliweyo ngoMgaqo-siseko woMzantsi Afrika aya kufumaneka kwi-intanethi yaye izikolo ziya kunikwa iikopi xa zenze isicelo soko.
4. Kuya kukhethwa amaqela asithoba kumaphondo osithoba ukuba athumele abafundi ababini notitshala kwimijikelo yephondo yokhuphiswano lwesincoko somlomo (provincial oral rounds) oluya kuqhubeka kumaphondo ngoMeyi nangoJuni 2015.
5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kwenza amalungiselelo esincoko somlomo kwiphondo. Oku kuya kuqhubeka kwiNkundla kaMantyi yaseKapa ngoJuni 2015. Amaqela amane agqwesileyo aseNtshona Koloni aya kucelwa ukuba athathe inxaxheba kwimijikelo kazwelonke yokhuphiswano lwezincoko zomlomo namanye amaqela avela kwamanye amaphondo asibhozo, apho aya kuxoxa ephikisana ukwenzela ukuba kukhethwe eligqwesileyo kuzwelonke. Imijikelo yokhuphiswano kazwelonke iya kuqhubeka kwiNkundla yoMgaqo-siseko (Constitutional Court) eJohannesburg.
6. ISebe iWCED likwanovuyo lokupapasha ukuba umfundi ovela kwiSithili i-Overberg District, owaye thathe inxaxheba kumjikelo wokugqibela kazwelonke ngo-2014, utyunjwe ukuba abe ngumphathi-nkqubo (programme director) kumaBhaso kaZwelonke okuWonga ooTitshala ePretoria.
7. ISebe iWCED ngokwenjenje licela zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kolu khuphiswano lunomdla. Kucelwa zizalise ezi fom zobhaliso ziqhotyoshelweyo zize zibuyiselwe UMququzeleli woPhuhliso lweZikolo owe-15 Apreli 2015, ngokuthunyelwa nge-imeyili apha Dennis.Pillay@westerncape.gov.za. Kucelwa uzalise ifom yobhaliso eyahlukileyo kwiqela ngalinye.
8. Izikolo ezibhalisayo ziya kuncediswa ngoomasifundisane nangoqeqesho ziingcali ezigqwesileyo kule nkalo. Kuya kukhutshwa amabhaso aliqela okuwonga abo bathathi-nxaxheba bagqwesileyo ngokubanika inkxaso kunyaka wabo wokufunda wokuqala wezifundo zomthetho eyunivesithi, nokuba bakweyiphi na apha eMzantsi Afrika. Ukufumana ingcaciso engaphezulu nge-Moot Court Competition yiya ku-www.up.ac.za/law okanye uqhagamshelane nomququzeleli wophuhliso lwezikolo wakho (ziqhotyoshelwe apha iinkcukacha).
9. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke ootitshala boLwazi ngezoBomi beBakala 10.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2015:03:11

"National Schools Moot Court Competition 2015 Registration Form"  (ubukhulu: 53 KB)