1. ISebe leMfundo esiSiseko (ISebe DBE) namasebe emfundo amaphondo olithoba, aya kuba eququzelela kwakhona umnyhadala wokhuphiswano lweekwayala i-South African Schools' Choral Eisteddfod (SASCE) wezikolo eziziiprayimari neziziisekondari ngo-2015.

2. Ukhuphiswano luka-2015 lucwangciswe ngokutsha ukwenzela ukuba lubandakanye amacandelo amaninzi yaye luya kwenza amalungiselelo eemvumi ezicula ngazodwa (soloists), ezicula ngamaqela (ensembles) neekwayala zezikolo kula macandelo alandelayo:

  1. ISigaba seSiseko;
  2. Izikolo eziziiprayimari; kunye
  3. nezikolo eziziisekondari.

Kucelwa niqaphele:

  • ISigaba saBadala (i-junior secondary) sikhutshiwe kulo mnyhadala.
  • Udidi lweCulo loKuzikhethela i-Own Choice Category lolwezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa kuphela.
  • Kwicandelo leZikolo eziziiPrayimari, i-SAB sextet yeyezikolo zasezifama kuphela.
  • Kuqaliswe iCandelo leeKwayala zamaKhwenkwe (Boys' Choir Section) lezikolo eziziiprayimari.
  • Ukulungiselela iinjongo zokuqhubeka kakuhle komnyhadala, inani lekwayala yeqela (group choir) liya kuqingqwa, babe yi-45 kuphela abathathi-nxaxheba.
  • Izikolo eziziisekondari zinala macandelo ma-3 alandelayo: Secondary A, Secondary B ne-Open Category-
    • I-Secondary A iya kubanezo zikolo zitshatshele okoko emculweni kule minyaka mine idlulileyo kwiindidi ezintlanu ezivunyiweyo (oko kukuthi ikwayala ezingumxube (mixed choirs)– i-African, i-Afrikaans, i-Western neekwayala zamadoda nezamabhinqa). ISebe i-DBE lenze ilisti yezi zikolo yaye liya kuzazisa ezo zikolo ukuba zifakwe phantsi kolu didi. Izikolo kolu didi mazithathe inxaxheba kuzo zonke iindidi ezintlanu. Zinako nokucula kudidi oluvulelekileyo (open category).
    • Izikolo ze-Secondary B, zizikolo ezitsha yaye zibe zezo bezikhe zathatha inxaxheba kwiprogram yokhuphiswano kodwa azagqithela kumjikelo wamanqanaba kazwelonke.
    • Udidi i-Open Category lolwezi ndidi zombini zingentla yaye zinokukhetha naluphi na udidi olufanekileyo kukhuphiswano.
3. Iikwayala zesigaba sesiseko ziya kuthatha inxaxheba kuphela kwiminyhadala yezithili. Ngako oko azisayi kuthatha nxaxheba kwizigaba zamaphondo nezikazwelonke zalo mnyhadala wokhuphiswano.

4. Kumiselwe amaculo (pieces) kuwo onke la macandelo. Imigaqo yokuthatha inxaxheba nee-music scores zinokukhutshelwa kwiziko lewebhu leSebe leDBE apha: http://www.thutong.doe.gov.za/Default.aspx?alias=www.thutong.doe.gov.za/schoolenrichment

5. Imijikelo yokukhetha izikolo ezigqwesileyo iya kubanjwa phakathi ko-Apreli nasekupheleni kukaMeyi 2015 kwizithili zemfundo ezisibhozo.

6. Izikolo ziyakufaneleka ukugqithela phambili kuphela kumjikelo wezikolo ezigqwesileyo kwiphondo nakuzwelonke ukuba izikolo ezithathu okanye ezingaphezulu zithatha inxaxheba kudidi olunye.

7. Umjikelo wokugqibela kuzwelonke uya kubanjelwa eDurban ukususela nge-12 ukuya kwi-18 Julayi 2015. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kuzihlawula iindleko zezithuthi zokuya kulo mnyhadala. ISebe iWCED ALIYI kwamkelwa naziphi na izicelo zezikolo zokuba zihambe kwangaphambi kwalo mhla okanye zibuye emva komhla omisiweyo. Kuphela ngabafundi ababhaliswe ngokusemthethweni nootitshala abaya kuvunyelwa ukuba bahambe. Izikolo ezingawuthobeliyo lo mqathango ziya kuthintelwa ekubeni zithathe inxaxheba kwiiprogram ze-SASCE zexesha elizayo.

8. Izikolo ezisebenzisa ababhexeshi beekwayala babucala maziqinisekise ukuba zenza amalungiselelo ezithuthi zabucala ukukhwelisa abo bantu njengoko iSebe iWCED lingasayi kuluthwala uxanduva lwabo xa kunokwenzeka isehlo esithile seemeko ezingenakulawuleka. Iinqununu zezikolo ezihamba neekwayala ziya kuthwaliswa uxanduva ukuba lo mqathango awuthathelwa ngqalelo.

9. Ukungenela ukhuphiswano, izikolo mazizalise le fom yokubhalisa iqhotyoshelweyo zize ziyibuyisele kwiziko lewebhu kwelo gosa lenza umsebenzi wokuphuhlisa izikolo kwii-ofisi zezithili zemfundo zazo ungadlulanga owe-20 Matshi 2015:

ISithili seMfundo Iinkcukacha zoqhagamshelwano
Metro Central Nks S Majiet
Ifoni: 021 514 6700
Ifeksi: 021 514 6953
I-imeyili: Smajiet@westerncape.gov.za
Metro East Nks MJ Swartz
Ifoni: 021 900 7253
Ifeksi: 021 903 2149
I-imeyili: Mjswartz@westerncape.gov.za
Metro North Mnu D Leonard
Ifoni: 021 938 3170
Ifeksi: 021 938 3180
I-imeyili: Dleonard@westerncape.gov.za
Metro South Mnu R Esau
Ifoni: 021 370 2000
Ifeksi: 021 372 1856
I-imeyili: Resau@westrncape.gov.za
West Coast Nks C Beukes
Ifoni: 021 860 1210
Ifeksi: 021 860 1231
I-imeyili: Cbeukes@westerncape.gov.za
Cape Winelands Nks C Ross
Ifoni: 023 348 4602
Ifeksi: 023 342 4138
I-imeyili: Chantel.Ross@westerncape.gov.za
Overberg Mnu K Mike
Ifoni: 028 214 7300
Ifeksi: 028 214 7400
I-imeyili: Kobus.Mike@westerncape.gov.za
Eden & Central Karoo Nks S Stofile
Ifoni: 044 803 8300
Ifeksi: 044 873 2253
I-imeyili: Sino.Stofile@westerncape.gov.za
Head Office Mnu D Pillay
UMququzeleli wePhondo: UPhuhliso lweZikolo
Ifoni: 021 467 2582
I-imeyili: Dennis.Pillay@westerncape.gov.za

10. Maziqinisekise iinqununu neekomiti zolawulo zezikolo ukuba akukho malungiselelo okuprekthiza kwekwayala (choir rehearsals) aya kuphazamisana neprogram yesikolo yezifundo. Abafundi MABANGAKHUTSHWA eziklasini ngenjongo yokuprekthiza.

11. ISebe iWCED liqaphele ukuba kuye kubekho izenzo zokuziphatha kakubi ezininzi nezibubuqhophololo ngethuba leprogram yeSASCE. Kunikwe ingxelo malunga noku kulandelayo:

  • Ukusela utywala nokutshaya intsangu ngethuba lemijikelo yokhuphiswano kwizithili nakwiphondo;
  • Ukuziphatha kakubi kwabafundi, ootitshala nabaxhasi babo;
  • Ulutsha olungabhaliswanga oluthatha inxaxheba kwiikwayala;
  • Abafundi abangeyiyo inxenye yesikolo esithile abeze nabathatha inxaxheba kumjikelo wokugqibela wokhuphiswano kwiphondo nakuzwelonke kunye
  • neZikolo ezivumela abantu abangengawo amalungu ekwayala bahambe kunye nabafundi.

ISebe iWCED lizithatha ezi zenzo zingalunganga zingentla njengezixhomisa amehlo ngokugqithisileyo. Izikolo ezifunyenwe zinetyala lokuziphatha kakubi okulolu hlobo aziyi kuvunyelwa zithathe inxaxheba kwiprogram yeSASCE elandelayo.


12. Kucelwa wazise okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke ababhexeshi beekwayala zezikolo, ootitshala, abazali nabafundi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-P A VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:03:10

"Registration form"  (ubukhulu: 51 KB)