1. |
Uxwebhu i-White Paper for Post School Education and Training, olwapapashwa liSebe i-Department of Higher Education and Training (DHET) ngo-2013, lufuna ukuba kusekwe iikholeji zoluntu (community colleges) ukunika amathuba amahle okufunda etyeli lesibini (second-chance learning opportunities) kulutsha olungaphandle esikolweni (out-of-school youth) nakubantu abadala. |
2. |
Uxwebhu i-Draft National Policy on Community Colleges (makufundwe iSaziso sikaRhulumente No 868) olwaqulunqwa ngokweSiqendu 41B soMthetho weMfundo noQeqesho oluQhubelekayo, 2006 (uMthetho 16 ka-2006) (Further Education and Training Colleges Act, 2006 (Act 16 of 2006)), lwapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 38158, Vol. 595, yomhla we-7 Novemba 2014, ngenjongo yokuba kuvezwe izimvo ezimalunga nolu xwebhu. |
3. |
Lo mgaqo-nkqubo uyidrafti unika phakathi kwezinye izinto, isikhokelo sokusekwa kweekholeji zoluntu (community colleges). |
4. |
Ngenxa yezo zizathu, amaziko emfundo yabadala oluntu akhoyo ngoku (public adult learning centres) (PALCs) aya kufakwa (absorbed) kwiikholeji zoluntu ngenkqubo yokutshintshwa nokudityaniswa kwamaziko. |
5. |
Ukwenzela ukulungiselela le nkqubo, uMphathiswa unenjongo yokubhungisana namabhunga olawulo amaziko (centre governing bodies (CGBs)), namaziko ii-AET centres (makufundwe iSaziso sikaRhulumente No. 869), njengoko kuyimfuneko oko ngokweSiqendu 41A (b) neSiqendu 41C(a)(m) soMthetho weMfundo noQeqesho oluQhubelekayo, 2006 (uMthetho 16 ka-2006) (Further Education and Training Colleges Act, 2006 (Act 16 of 2006)) nangokweSiqendu 5 soMthetho weMfundo noQeqesho lwaBadala, 2000 (uMthetho 52 ka-2000) (Adult Education and Training Act, 2000 (Act 52 of 2000)). |
6. |
Amalungu e-CGBs nabantu abanomdla banikwa ithuba lokuveza izimvo zabo ngencwadi ebhaliweyo kuMphathiswa zingaphelanga iintsuku zekhalenda eziyi-90 emva kokupapashwa kweSaziso sikaRhulumente No. 869. |
7. |
Iikhomenti mazithunyelwe kulo:
The Director General (Attention: Mr D Diale) Department of Higher Education and Training Private Bag X174 Pretoria 0001
IFeksi: 086 298 9707 I-imeyili: diale.d@dhet.gov.za
|
8. |
Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2015:01:16
|
|