1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lifumene imibuzo esuka ezikolweni enxulumene nokuvunyelwa ukutenxa ekubambeni intlanganiso ibe nye yokutyumba abagqatswa nonyulo lweSGB. Uxwebhu i-provincial measures relating to governing bodies for public schools lwakalokunje lubonelela ngokuba izikolo zinokwenza isicelo kwiNtloko yeSebe leMfundo sokufumana imvume yokutenxa kwiinkqubo eziqhelekileyo ngethuba loNyulo lweeSGB ngo-2015. |
1.1 |
IsiHlomelo A siqulathe ifom eya kusetyenziswa zizikolo ukwenza isicelo esiya kwiNtloko yeSebe leMfundo ngokudlula kwiGosa lezoNyulo lePhondo. |
2. |
Nakuphi na ukutenxa okucelwayo makukhuthaze ezona mfuno zibalulekileyo zoluntu oluyinxenye yesikolo (school community), kunike ithuba uthatho-nxaxheba kakhulu lwabazali abanqwenela ukuvota, ukungacaluli ngokunomkhethe nawuphi na umntu onokuvota kwanokuvumela ukuqhutywa kwenkqubo yokutyumba engadleli ndlala (fair nomination process) kwixesha elandulela unyulo. |
2.1 |
Isicelo esivela esikolweni masikhatshwe zizizathu ezivokotheke ngokupheleleyo size sibonise umhla, ixesha nendlela isikolo esijolise ukulawula ngayo enye indlela yeenkqubo zokutyumba nokunyula. |
3. |
Izikolo maziqwalasele esi sikhokelo silandelayo singumlinganiselo osezantsi phambi kokwenza isicelo kwiWCED sokusingatha unyulo oluqhubeka usuku lonke: |
3.1 |
Igosa lezonyulo elityunjiweyo malibe livumelene noko lize lifumaneke ngexesha layo yonke inkqubo yonyulo. |
3.2 |
Kuya kumiselwa amanyathelo awaneleyo nasebenza kakuhle okhuselo nokhuseleko ukuqinisekisa ukuthembakala kwenkqubo yonyulo kuyagcinwa kwinkqubo yonke. |
3.3 |
Unxibelelwano oluya ebazalini maluqinisekise ukuba baziswa ngokwaneleyo ngeenkqubo zokutyumba abagqatswa nezonyulo eziya kusetyenziswa. |
3.4 |
Izikolo mazingenise ubungqina bokuba zithathe amanyathelo okuhambelana mbo nesikhokelo esilapha ngentla xa zisenza isicelo. |
4. |
Iinkqubo zokutyumba abagqatswa nonyulo mazithathele ingqalelo okulandelayo: |
4.1 |
Zonke izicelo zokutyumba abagqatswa ziya kungeniswa ngokubhalwe phantsi kwifom yokutyumba ekhutshwe sisikolo zize zingeniswe esikolweni zingadlulanga iintsuku eziyi-10 zomsebenzi phambi komhla wonyulo. |
4.2 |
Emva kokuba lidlule ixesha lokungeniswa kwezicelo zokutyumba igosa lonyulo liya kuqwalasela izicelo zokutyumba zize iinkcukacha zabo bagqatswa sezamkelwe zisasazwe kubo bonke abazali esikolweni, ngokubhaliweyo, ubuncinane kwiintsuku eziyi-5 phambi komhla wonyulo. |
4.3 |
Ekusongweni kwenkqubo yonyulo, bubuncinane be-15% yenani lilonke labazali abakuxwebhu lwabavoti (voters' roll) amabavote ukuphumeza ikhoram efunekayo ukuze unyulo luthathwe njengolusemthethweni. |
5. |
Ngaphandle kwalapha ngasentla, zonke iinkqubo zokwazisa, zokutyumba abagqatswa nonyulo lwamalungu eSGB ziya kusebenza njengoko kucaciswe kwiprovincial measures. |
6. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:12:09
|
 |