1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ne-Bridge, umbutho ongenzi nzuzo, benze iziko ledatha kwikhompyutha (online database) lokubonisa idatha yomsebenzi owenziwa yimibutho engenzi nzuzo (NPOs) kwizikolo zeNtshona Koloni. |
2. |
Esi sixhobo senza ukuba iSebe iWCED noluntu bakwazi ukusebenzisana xa besebenzisa izibonelelo (resources) zabo ngokubonakalayo nangokuyimpumelelo kangangoko kunokwenzeka apho zifuneka khona ubukhulu becala. |
2.1 |
Isistim ibonisa idatha yokuthatha inxaxheba kwee-NPOs ezikolweni kwiphondo ngokubanzi neendidi zemisebenzi abayenzayo kusetyenziswa isistim i-geographic information system (GIS). |
2.2 |
ISebe iWCED liya kufumana inzuzo ngokuthi liqonde ngeyona ndlela ibhetele ukuba yeyiphi na imibutho esebenza kweziphi na iindawo yaye iyeyiphi na imiba eqwalaselwa yile mibutho. |
2.3 |
Ii-NPOs ziya kubanako ukusebenzisa eli ziko ledatha ukufumanisa ukuba kuphi na apho zingazenza khona iinkonzo zazo ngendlela ebhetele yaye izeziphi na iindidi zeenkonzo ezizezona zifunekayo ubukhulu becala. |
3. |
I-Bridge ililawula iziko ledatha egameni lobu buhlakani. Oku kuya kubandakanya ukukhuthaza ii-NPOs zifake ingcaciso yazo nokuba ziyingqinisise idatha.
|
4. |
Ziyacelwa izithili nezikolo ukuba zizazise ezoo NPOs zizicelileyo ukuba zifake ingcaciso yazo kwiziko ledatha. |
4.1 |
Iziko ledatha lenza ukuba izithili nezikolo zazi ngokungaphezulu ngayo nayiphi na iNPO esebenza ezikolweni kweli phondo. |
ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2015:08:04
|
|