1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lizimisele ukuqinisekisa ukusetyenziswa kangangoko kwexesha lokufunda nokufundisa. Luxanduva, ke ngoko, lwesikolo ngasinye ukukhusela ixesha lokufunda nokufundisa kwanokunika inkxaso kwimfundo ngokupheleleyo kwiintsuku zesikolo eziyi-201 ngonyaka ngamnye, ngokungqinelana nomgaqo iNational Learner Attendance Policy.

2. Kucelwa bonke abasebenzi besikolo nabee-ofisi zezithili baqaphele okulandelayo:
2.1 Luxanduva lwesikolo ngasinye ukucwangcisa iprogram yesikolo yaso ngethuba nasemva kweemviwo kude kube lusuku lokugqibela lwekota yesikolo kwanokwazisa bonke abafundi, abazali kunye nee-ofisi zezithili ngokufanelekileyo.
2.2 Izikolo ezifundisa amaBakala 10, 11 no-12 (apho kuchaphazelekayo) ziyakhunjuzwa ukuba akuvumelekile ukuqalisa ngeemviwo phambi kwe-1 Juni 2015 ne-12 Novemba 2015. Nakuba kunjalo, izikolo zingafaka isicelo kumlawuli wesithili semvume yokuqalisa ngeemviwo zeprakthikhali phambi kwethuba kwizifundo ezithile.
2.3 Izikolo ezifundisa amaBakala 7 – 9 akuvumelekile ukuba ziqalise ngoviwo lwazo phambi kwe-10 Juni 2015 ne-12 Novemba 2015.
2.4 Izikolo ezifundisa amaBakala 4 – 6 akuvumelekile ukuba ziqalise ngoviwo lwazo phambi kwe-17 Juni 2015 ne-19 Novemba 2015.
2.5 Bonke abafundi kulindeleke ukuba babe sesikolweni ngokomlinganiselo osezantsi weeyure ezi-5 ngosuku ngalunye ngethuba lokubhalwa koviwo. Ngoko ke, ukuba isikolo siqala ngo-8:00, asivumelekanga isikolo ukukhulula abafundi bagoduke engekabethi u-13:00. Ekulungiseleleni eli xesha lokukhulula abafundi phambi kwethuba, makuqwalaselwe ukhuseleko nokuthuthwa kwabafundi. Kubalulekile, ke ngoko, ukwazisa abazali kwangaphambili ukwenzela ukuba bakwazi ukwenza amanye amalungiselelo.
2.6 Bonke abafundi mabahambe isikolo ngalo lonke ithuba loviwo, ngokungaphandle kwabafundi beBakala 12 bona baya kunikwa ilungelo leentsuku ezi-5 ngeenjongo zokuba bafunde phambi kokuqala koviwo lokugqibela lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
2.7 Izikolo azivumelekile ukuxelela abafundi ukuba sisigqibo somfundi ngamnye ukuya nokungayi esikolweni nje ukuba uviwo luphele kwikota leyo okanye xa bengabhali zimviwo okanye zimvavanyo.
2.8 Kulindeleke ukuba bonke ootitshala babe sesikolweni usuku lwesikolo olupheleleyo (iiyure eziyi-35 ngeveki nganye) ngethuba loviwo, kungakhathaliseki nokuba ngaba banemisebenzi yokugada abafundi okanye abanayo.
2.9 Ngosuku lokugqibela lwekota yesikolo abafundi mababe sesikolweni ubuncinane iiyure ezintathu yaye ootitshala kulindeleke babe sesikolweni kangangomlinganiselo osezantsi weeyure ezi-5.

3. Kukhunjuzwa iinqununu ukuba zingenise iithayimthebhile zoviwo zazo kuMphathi wezeIMG ubuncinane iiveki ezine phambi kokuqala koviwo. Amagosa esithili aya kubeka esweni ukwenziwa kwale miyalelo.

4. Kucelwa iinqununu kunye namabhunga olawulo ukuba baqwalasele ngokukodwa ukwenziwa kweeprogram zawo ngethuba leemviwo, ukuze kungaphulukwana nexesha elixabisekileyo lokufunda nokufundisa.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2015:04:13