1. I-National School Nutrition Programme (NSNP) iye yaqaliswa ukuqinisekisa ukuba abafundi bafumana ukutya ukuze bakwazi ukufunda. Uphando lwethu lusichazela ukuba kukho ubudlelane phakathi kokutya okunezondlo nendlela ingqondo esebenza ngayo. Ngoko ke, ukuba sifuna ukuphucula iziphumo zethu masiqinisekise ukuba bonke abafundi banikwa ukutya. Olu luxanduva olwenziwa ngokudibeneyo lwabo bonke abathathi-nxaxheba abakwiziko lemfundo.

2. I-NSNP ixhaswa ngemali yigranti ekhutshwa phantsi kwemiqathango yeSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (DBE). Lo mgaqo-sikhokelo wegranti ucaciswe gca kuMthetho woKwahlulwa kweNgeniso (Division of Revenue Act) (DoRA), owawupapashwe kwiGazethi kaRhulumente No. 38458 ngomhla we-13 Februwari 2015.

3. Le ngcaciso imfutshane yenzelwe ukwazisa bonke abathathi-nxaxheba (abalawuli bezithili, abaphathi beekomiti zeesekethe, amalungu ebhunga lolawulo, iinqununu, abaququzeleli bovavanyo namavolontiya asebenza ngokutya ezikolweni (school coordinators and volunteer food handlers) malunga nokubaluleka, ukuphathwa nokulawulwa ngempumelelo kweNSNP enezibonelelo zoncedo ezinqongopheleyo.

4. I-NSNP ingayiphucula inkqubo yabafundi kwiminyaka yabo beselula besandula ukuqala ukufunda esikolweni. Le miba ilandelayo ibalulekile ekuqinisekiseni ukusebenza ngempumelelo kwale program:
4.1 Imigaqo yokusebenza esemgangathweni ukuqinisekisa ukuphakwa kwangexesha kokutya (iSetyhula 0015/2014).
4.2 Ootitshala babeka esweni ukuphakwa kokutya okunezondlo yonke imihla yesikolo baze abasebenzi-gadi bancedise ekukhuliseni imifuno yesikolo ephucula ukutya okunikwa abafundi abaxhamlayo.
4.3 Ukungeniswa kwangexesha kwamaxwebhu ayimfuneko kwiiofisi zezithili, ngokweemfuno zolawulo lwemali njengoko kuchaziweyo kwiDoRA. Yonke imiqathango enxulumene nokubhajetha kunye nolawulo lwezemali liziko likarhulumente ichaziwe kuMthetho wezoLawulo lweMali kaRhulumente (Public Finance Management Act) (PFMA), ka-1999 (uMthetho 1 ka-1999).
4.4 Ukuhambelana mbo nokuqaliswa kweprogram njengoko kucetyiweyo.
4.5 Ukubekwa esweni qho kwesitokhwe ukunqanda inkcitho ekutyeni, njengoko oku kuya kuyiphanzisa injongo yokunciphisa intlupheko (poverty alleviation).
4.6 Qinisekisa ukuba ukutya kugcinwa ngokufanelekileyo kwiindawo ezinqatyisiweyo ukuthintela ukonakala nokungenwa yityhefu.
4.7 Izikolo maziqinisekise ukuba ababoneleli-nkonzo babekwa esweni ngokwenziwa kwenkonzo esemgangathweni.
4.8 Ukulahlwa kokutya okuphelelwe lixesha kunokwenziwa kuphela ngumboneleli-nkonzo okwimvumelwano neSebe leMfundo leNtshona Koloni. (Ukususwa kokutya kweNSNP kwisikolo sikarhulumente makwenziwe ngumboneleli-nkonzo ekungenwe kwimvumelwano naye. Ababoneleli-nkonzo mabaqapheleke lula okanye basebenze phantsi kweliso lomququzeleli wesithili. Makuzaliswe amaxwebhu ayimfuneko yaye athunyelwe kwaNdlunkulu.
4.9 Kwenziwa uphicotho-zincwadi kwi-NSNP olumalunga nayo yonke imisebenzi yayo ngabaphicothi-ncwadi bangaphakathi kunye nabangaphandle. Onke amaxwebhu (ngokukodwa i-Proof of Delivery Notes [PODs] namaxwebhu eentlawulo i-Volunteer Food Handlers) makafayilishwe kwifayili yeNSNP.

5. Abaphathi besikolo beNSNP nomququzeleli wesithili weNSNP makathathe onke amanyathelo okuthintela (precautionary measures) ukuqinisekisa ukuba UKHUSELEKO kunye NEZEMPILO (umz. uqeqesho lwamavolontia asandula ukuqeshwa kusetyenziso lwegesi) kunikwa ingqwalaselo ephambili ngawo onke amaxesha.

6. Inqununu, neGosa eLimele uKuphendula ngokuSetyenziswa kweMali (Accounting Officer), lijongene nokulawulwa ngokupheleleyo kwenkqubo esikolweni (iSetyhula 0015/2014, ingongoma 2.3).


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2015:09:11

"Public Finance Management Act (PFMA), 1999 (Act 1 of 1999)"  (ubukhulu: 487 KB)