|
Ulwimi
Imibuzo yolwimi iqulunqelwe ukunika abafundi ingqiqo nolwazi oluphangaleleyo (insight) ngemibuzo eyahlukileyo neempendulo ezifunekayo ukuze kwaziwe oko kufunekayo. Imibuzo yenza umfundi acinge nzulu xa eqwalasele itekisi kwinqanaba lolwazi analo yena buqu, kwinqanaba lentsingiselo yengqikelelo nakwinqanaba lentsingiselo enjengoko injalo (personal, literal, and inference level). Ukuba inqanaba lolwazi lwengqikelelo (inference level) libonakala liphezulu (advanced), ootitshala ke ngoko banokusicacisa isigama (vocabulary) sibe lula kodwa baxoxe ngeengqikelelo ezinokwenzeka (possible inferences) nabafundi ukwenzela ukuba babenako ukuziqonda kakuhle iintsingiselo eziqondakalayo nezamkelekayo (plausible meanings) kwitekisi.
Le mizekelo ifakwe kwiCEMIS. Imizekelo yesiNgesi neyesi-Afrikansi inee-ayithem ezifanayo. Ukufikelela kwimizekelo, makulandelwe le migaqo inikwe apha ngezantsi:
- Khetha i-ayithem yemenyu, "Exams/ Assessment";
- Kwi-drop-down menu, khetha i-icon ebonisa imizekelo yebakala elifanelekileyo, umz. "Grade 3 Exemplars", "Grade 6 Exemplars", okanye "Grade 9 Exemplars";
- Klikha kwisifundo onqwenela ukusivula;
- KumaBakala 3, 6 no- 9, khetha phakathi ko-"Language" no-"Mathematics".
- Kuya kuvuleka iibhokisi ezimbini okanye ezintathu ezineelwimi onokukhetha kuzo.
- Khetha ulwimi olufunayo ukhuphele (download) imizekelo nesikhokelo sikatitshala.
- Makuqatshelwe ukuba yonke imizekelo ikwi-PDF.
IWCED iyayiqaphela indima ebalulekileyo yootitshala ekudaleni iimeko eziyimfuneko ezikhuthaza ukufunda nokufundisa yaye inethemba lokuba ezi zibonelelo ziya kuba luncedo kubo.
Malunga nayo nayiphi na imibuzo ngokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane, kucelwa uqhagamshelane negosa elijongene nesithili sakho njengoko kucacisiweyo kule theyibhile ingezantsi:
|