1. |
IKomitana yeDITCOM yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) sisongezelelo seBhodi eyiDITCOM Board nebamba iintlanganiso zayo qho ngenyanga, njengoko kubonisiwe kule theyibhile ilapha ngezantsi, ukwenza izigqibo ngezicelo zokufunwa kwezixhobo ze-Information and Communication Technology (standard ICT equipment) eziqhelekileyo. |
2. |
Abaphathi abajongene nestokhwe (responsibility managers) mabazalise ifom yesicelo yeDITCOM evunyiweyo (isiHlomelo i) xa besenza isicelo seempahla neenkonzo ze-ICT. Isicelo esiyintsusa (original application) esizaliswe ngokupheleleyo, saza sasayinwa, masingeniswe kwiDITCOM Subcommittee Secretariat, Room 19-09A, 19th Floor, Golden Acre, Cape Town. Zonke izicelo mazifike kwi-ofisi zoomabhalane ubuncinane kwiveki enye phambi kokuba kuhlale intlanganiso. Sakubanje sandlaliwe isicelo, umenzisicelo/ umntu ocelayo uya kufumana ikopi yesicelo esivunyiweyo ukwenzela ukuba kube kuqhutyekwa nokusiphumeza okanye afumane i-imeyili emazisa ukuba isicelo eso asivunywanga. |
3. |
IKomitana yeDITCOM iya kuthatha isigqibo ngezixhobo ze-ICT eziqhelekileyo kuphela (isiHlomelo ii). Uluhlu lwezixhobo eziqhelekileyo luhlaziywa qho liSebe i-Department of the Premiers Centre for e-Innovation (DotP:Ce-I)) kwaye izinto ezihlaziyiweyo zifumaneka kwiziko lewebhu kwikhompyutha apha http://intrawp.pgwc.gov.za/Blue_Pages/Approved.asp Zonke izicelo zezinto ezingezizo eziqhelekileyo (non-standard applications) ziya kuthunyelwa kwiBhodi yeDITCOM. Kukhutshwa uluhlu oluqhelekileyo lwezixhobo ze-ICT ukwenzela ukunika iingcebiso amagosa ngezixhobo eziya kufuna imvume yeDITCOM (isiHlomelo iii). |
4. |
Isicelo sezixhobo ze-ICT ezitshintshwayo kufuneka sihanjiswe kunye nengxelo i-technical report ecacisa isizathu sokwenziwa kwesicelo sokufuna ukutshintshwa kwezixhobo. Kwiimeko apho izixhobo ze-ICT zithengelwa abaqeshwa abatsha, kufuneka kubekho incwadi ebhaliweyo yezizathu ezixhasayo (written motivation) zokuba ingaba isixhobo eso nokuba sesiphi na, sasikhutshwe phambi kokuba kuqeshwe kwisithuba eso nokuba kuya kwenzeka ntoni na kwisixhobo eso. |
5. |
Kucelwa uqinisekise ukuba isicelo seDITCOM sibonisa ukuba ngaba izixhobo ziya kunikwa omnye umntu kunye/okanye ziya kuchithwa (dispose of) na, ekuya kuthi ke xa kuyiloo meko, kube yimfuneko ukuba laziswe iCandelo loLawulo loQhagamshelwano lwaBathengi naBathengisi (SCM) ukuba liyitshintshe ingcaciso kwirejista yee-asethi. |
6. |
Le ilandelayo yishedyuli yeentlanganiso zeKomitana yeDITCOM kunyaka-mali ka-2015-16 nemihla yokungenisa izicelo:
Umhla wentlanganiso |
Ixesha |
Umhla wokuvalwa kwezicelo |
27 Januwari 2016 |
09:00 12:00 |
20 Januwari 2016 |
24 Februwari 2016 |
09:00 12:00 |
17 Februwari 2016 |
30 Matshi 2016 |
09:00 12:00 |
23 Matshi 2016 |
|
7. |
Le ilandelayo yishedyuli yeentlanganiso zeKomitana yeDITCOM kunyaka-mali ka-2016-17 kunye nemihla yokungenisa izicelo:
Umhla wentlanganiso |
Ixesha |
Umhla wokuvalwa kwezicelo |
28 APRELI 2016 |
09:00 12:00 |
20 APRELI 2016 |
25 MEYI 2016 |
09:00 12:00 |
18 MEYI 2016 |
29 JUNI 2016 |
09:00 12:00 |
22 JUNI 2016 |
27 JULAYI 2016 |
09:00 12:00 |
20 JULAYI 2016 |
31 AGASTI 2016 |
09:00 12:00 |
24 AGASTI 2016 |
28 SEPTEMBA 2016 |
09:00 12:00 |
21 SEPTEMBA 2016 |
26 OKTOBHA 2016 |
09:00 12:00 |
19 OKTOBHA 2016 |
30 NOVEMBA 2016 |
09:00 12:00 |
23 NOVEMBA 2016 |
25 JANUWARI 2017 |
09:00 12:00 |
18 JANUWARI 2017 |
22 FEBRUWARI 2017 |
09:00 12:00 |
15 FEBRUWARI 2017 |
29 MATSHI 2017 |
09:00 12:00 |
22 MATSHI 2017 |
|
ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2015:11:18
|
 |