1. |
ISaveyi yaQho ngoNyaka epapashwe kwigazethi (gazetted Annual Survey) yezikolo eziqhelekileyo iya kuqhutywa nge-3 Matshi 2015. Kuya kufuneka iinqununu zisayinele ukuchaneka kwedatha yabafundi kwi-CEMIS. Kucelwa uqinisekise ukuba oku kulandelayo kubhalwe ngokuchanekileyo kwi-CEMIS ungadlulanga owe-3 Matshi 2015: |
1.1 |
Abafundi bakumabakala, bakwiiklasi nakumacandelo e-LoLT achanekileyo; |
1.2 |
Kugqityiwe ukufakwa kwengcaciso engabafundi (abamkelwayo nabakhutshwayo esikolweni); |
1.3 |
Utshintsho ngokwamabakala lwenziwe lwagqitywa yaye |
1.4 |
Izikrini zokufaka idatha ii-General Information capture screens, kuqukwa nemibuzo ngokhuseleko lwezikolo, zigqityiwe ngokunjalo. |
2. |
ISaveyi yaQho ngoNyaka ikwafuna ukuba izikolo ziyihlaziye ingcaciso engootitshala zize zifake ingcaciso epheleleyo kwizikrini. Lo msebenzi kufuneka usayinelwe ungadlulanga owe-31 Matshi 2015 ngokuthi kuqinisekiswe le miba ilandelayo: |
2.1 |
Zihlaziyiwe iinkcukacha zootitshala ezimalunga neminyaka yamava, namabakala kunye nezifundo abazifundisayo ngo-2015 kuphela; Mazisuswe iinkcukacha zamabakala nezifundo ebezifundiswa kwiminyaka edlulileyo, ukuba azifanele kuba kumthwalo womsebenzi katitshala ka-2015. |
2.2 |
Zigqityiwe izikrini zootitshala abatsha ukulungiselela ukungqinisiswa kwamabango emfundo kwizifundo. |
2.3 |
Zonke izikrini zokufaka idatha zizalisiwe yaye izikrini ebesele zinedatha ziyahlaziywa (pre-populated screens), umz. iifizi zezikolo neetheyibhile zeziseko zophuhliso (infrastructure tables). |
3. |
Imodyuli eyongezelelweyo yeSaveyi yaQho ngoNyaka ka-2015 kukuzaliswa kwekhweshine kazwelonke esihloko sithi "Measuring the Education Sector Response to HIV and AIDS". |
3.1 |
Le modyuli yeSaveyi yaQho ngoNyaka mayifakwe kwi-CEMIS ungadlulanga owe-12 Juni 2015. |
3.2 |
Izikrini zokufaka idatha ze-CEMIS ziya kufumaneka ukususela ngowe-1 Juni 2015. |
3.3 |
Ifom yesaveyi yeHIV and AIDS ne-Guideline ziya kufumaneka zikwifomathi yePDF ukwenzela ukukhutshelwa (downloading) okanye ukuprintwa kwazo kwiCEMIS kwimenyu ye-Annual Survey. |
3.4 |
Kucetyiswa ukuba kuprintwe ifom kuze kuzaliswe loo fom iliphepha ngesandla. Inqununu ifanele ukwenza amalungiselelo okuba ikopi eliphepha eprintiweyo yeSaveyi yeHIV (hardcopy HIV survey form) iyazaliswa yaye isayinelwe ngo-Apreli nangoMeyi, yaye inikwa umlawuli weCEMIS ukwenzela ukufakwa kwedatha kwiCEMIS ukususela ngowe-1 Juni 2015. Ukufakwa kwikhompyutha kwiCEMIS (online CEMIS capture) kwedatha makugqitywe ungadlulanga owe-12 Juni 2015 |
4. |
Njengegosa le-EMIS lesikolo, inqununu mayilawule iinkqubo zokufaka idatha ukuqinisekisa ukuba bukhona ubungqina bokuqinisekisa kunye neesiginitsha zabasebenzi ekugqithiselwe kubo amagunya okutshekisha idatha. Iinkqubo zomsebenzi wokufaka idatha ze-EMIS mazirekhodwe (EMIS data business processes) ukuqinisekisa ukuphendula malunga nokuchaneka kwedatha, njengoko le ngcaciso inokuphicothelwa ukuchaneka kwayo. Kucelwa nifunde iSetyhula 0003/2012 yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso, ukufumana iinkcukacha ezingaphezulu. Kukhunjuzwa iinqununu kwakhona ukuba ukususela ngo-2014, ukuchaneka kwedatha ye-CEMIS ngumqathango ophambili ekuya kuxhomekeka kuwo ukufumana kwezikolo intlawulo yesabelo-mali sesibini ngokweMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali (Norms and Standards funding) (iSetyhula 0044/2013 yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso). |
5. |
Kunyanzelekile ukusetyenziswa kweNombolo yeSazisi (Identity Number) ngabafundi kuzo zonke iisistim zokulawulwa nokuphathwa kwezikolo. Ikho ingxelo ye-CEMIS yokuqaphela abafundi abangenazinombolo zesazisi nokulungiselela ukufakwa ekhompyutheni kweenombolo zesazisi ezingekhoyo. Ukuba umfundi akananombolo yesazisi evunyiweyo, makucetyiswe umzali ngeenkqubo zokwenza isicelo se-ID kwiSebe leMicimbi yezeKhaya. Kucelwa iinqununu zibancedise abazali apho kunokwenzeka, ngokuyiququzelela inkqubo yokufunyanwa kwe-ID kwiSebe leMicimbi yezeKhaya. |
6. |
Iinqununu zifanele ukuququzelela iinkqubo zeSaveyi yaQho ngoNyaka ukuqinisekisa ukuchaneka nokugqitywa kwedatha efakiweyo kwangethuba. |
ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2015:02:25
|
 |