1. ISaveyi eQuphayo (SNAP Survey) ka-2015

  1. ISaveyi eQuphayo (SNAP Survey) yaqho ngonyaka yezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo neyezikolo ezizimeleyo ingumthombo wengcaciso wokuqala ngokubaluleka oya kusetyenziswa ekulawulweni nasekuphathweni kwezikolo, kwakunye nasekunikweni kwazo izibonelelo.

  2. ISaveyi eQuphayo yezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo neyezikolo ezizimeleyo mayizaliswe yaye isayinelwe yinqununu yesikolo kwi-CEMIS ungadlulanga owe-3 Februwari 2015. Umhla obekiweyo kubaphathi beze-IMG wokusayinela idatha yeSaveyi eQuphayo kwiCEMIS (CEMIS SNAP survey data) ngowe-6 Februwari 2015.

  3. Ziyacelwa izikolo ezizimeleyo ukuba zizalise le saveyi kwikopi eprintiweyo eliphepha yaye zenze amalungiselelo okusiwa kwefom ezalisiweyo yeSaveyi eQuphayo, esayinelwe yinqununu nangumphathi weze-IMG, ungadlulanga owe-9 Februwari 2015 kulo:

    Mr Abdurahman Noordien
    Deputy Director: Knowledge and Information Management
    Room 19-03
    19th Floor
    Adderley Street
    Cape Town

  4. Phambi kokusayinelwa kwayo kwiCEMIS, inqununu okanye lowo kudluliselwe kuye amagunya, makaqinisekise ukuba kwenziwe oku kulandelayo:

    1. Bonke abafundi ababhalisiweyo nabahamba isikolo ngo-2015 bayavela kwibakala neklasi echanekileyo yabo kwi-CEMIS.
    2. Nawuphi na umfundi obelindeleke ukuba abuyele esikolweni, kodwa akafika esikolweni sakho kwada kwadlula owe-3 Februwari 2015 ukuza kubhalisa, makakhutshwe ezincwadini ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo wokuhamba isikolo kwabafundi. (Aba bafundi bangabhaliswa kwakhona kwiCEMIS ukuba beza kubhalisela ukwamkelwa esikolweni emva kwe-3 Februwari 2015.)
    3. Ilisti yootitshala abakwiCEMIS mayihlaziywe yaye ingqinisiswe, ngokwemeko ekhoyo ngalo mhla we-3 Februwari 2015, yaye kungqinisiswe nemeko yokuqeshwa kwabo kwirekhodi yeCEMIS. Isikrini sesishwankathelo sengcaciso engootitshala (staff summary screen) kwi-CEMIS, siya kufaka ingcaciso ngokuzenzekelayo kusetyenziswa idatha yootitshala engqinisisiweyo (verified educator data). Izikrini zokufaka idatha (capture screens) ezinika ingxelo ngenani elichanekileyo lootitshala abasesikolweni mazizaliswe ngokuchanekileyo.
    4. Makuzaliswe icandelo lesaveyi elisayinelwayo (sign-off section).
2. Ubhaliso lwabafundi bebhalisela ii-ANA

Ubhaliso lwabafundi bebhalisela iiMvavanyo zoNyaka zikaZwelonke (ANA) zika-2015, kufuneka lube selugqityiwe ekupheleni kukaFebruwari 2015. Maziqinisekise iinqununu ukuba izifundo zolwimi nolwimi lokufunda nokufundisa (LOLT) zifakwe ngokuchanekileyo ekhompyutheni kumfundi ngamnye phambi kokuphela koFebruwari 2015. Kuya kunikwa iingxelo ezingokusayinelwa kwedatha (data sign-off reports) ngoFebruwari 2015.


3. Ukutshintshwa kwezifundo kwiBakala 12

Izifundo ezenziwa ngabo bonke abafundi beBakala 12 mazitshekishwe ukwenzela ukuqinisekisa ukuchaneka kwazo yaye zifakwe kwikhompyutha ukwenzela ukusayinelwa kwazo ungadlulanga owe-31 Januwari 2015. Ifasilithi yesicelo sokutshintsha izifundo zabafundi kwiBakala 12 iya kufumaneka de kuye ekupheleni kukaJanuwari 2015 kuphela.


4. I-EMIS data quality iya kuqhagamshelaniswa neentlawulo ezenziwa ngoomatshini ezivela kwingxowa yemimiselo nemigangatho (norms and standards transfer payments). Iingxelo ze-EMIS data compliance ziya kufumaneka kwiinqununu zezikolo kwiCEMIS ukususela ngoMatshi 2015. Inqununu mayilawule ukwenziwa kwale misebenzi ifunekayo ukuqinisekisa ukuchaneka kwedatha kwiCEMIS.

ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liyalithakazelela igalelo nokuzinikela kwawo onke amagosa emfundo ngo-2014. Sijonge phambili ekufumaneni inkxaso yenu ethe gqolo ngo-2015.



ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2014:12:12