1. Inyanga ka-Oktobha yabhengezwa njengeNyanga yeLayibrari yeSikolo kuMazwe Jikelele (International School Library Month (ISLM)) yi-International Association of School Librarianship.
2. Umxholo wale nyanga uthi "ILayibrari yeSikolo nguNgqaphambili (The School Library Rocks)".
3. Ukubhiyozela i-ISLM kufanele ukubonwa njengokuqaphela indima nokubaluleka kweelayibrari kubomi bokufunda bonke, o.k.t. ukubonelela ngezibonelelo ezixhasa ukufunda nokufundisa (LTSM) kwinkqubo yezikolo iyonke.
4. Uphando lwamazwe ngamazwe lubonise ukuba abafundi baphumelela kumanqanaba aphezulu yaye baba ngabafundi abanako ukufunda kakuhle xa benako ukufikelela kwilayibrari yesikolo eneencwadi nezibonelelo zokufunda ezisemgangathweni (good resource collection), kuqukwa neencwadi abafundi abazithandayo ukuzifunda neeprogram zengcaciso yolwazi lokufunda nokubhala eziqulethe okuninzi.
5. Ukwenzela ukubhiyozela ukubaluleka kweelayibrari zezikolo ngethuba le-ISLM, iLayibrari yeSebe iWCED (Education Library and Information Service (EDULIS)), ibambisene ne-Breadline Africa, baya kuba bebambe ukhuphiswano i-"Bookface" competition apho abafundi banokuphumelela iincwadi nezibonelelo zokufunda ezifikelela kuma-R30 000 zelayibrari yesikolo sabo.
6. I-Bookface ibandakanya ukusondeza ngobuchule ubuso bakho okanye elinye ilungu lomzimba lingqamane neqweqwe lencwadi (book cover) elibonisa ilungu lomzimba elihambelana noko ukwenzela ukuba oku kubonakale njengomfanekiso wokudibana kobomi nobugcisa. Abafundi banokufumana umntu othile abafote baze bangenele uKhuphiswano i-School Libraries Rock Bookface Competition.
7. Ukufunda ngakumbi ngolu khuphiswano, kucelwa uvule olu xwebhu luqhotyoshelweyo. Kwakhona ndwendwela apha: https://www.facebook.com/TheSchoolLibraryRocks.
8. ISebe iWCED likhuthaza abo bajongene neelayibrari zezikolo ukuba bakhethe usuku ku-Oktobha 2015 olulungele ukubhiyozelwa kweelayibrari zezikolo.
9. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zithumele ingxelo epheleleyo (kuqukwa nemifanekiso) yezo zinto bazenzileyo ngethuba le-ISLM ku-EDULIS nakumagosa ezithili ukulungiselela ukupapashwa kwazo:

Cheryl Joseph UNolayibrari weSithili
weSithili seMfundo i-Metro South
ifoni 021 957 9626
Faith Lawrence UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo
weSithili seMfundo i-West Coast
ifoni 021 860 1562
Janine Ontong UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo
weSithili seMfundo i-Cape Winelands
ifoni 023 348 4657
Timothy Cloete UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo
weSithili seMfundo i-Overberg
ifoni 028 214 7387
Jennifer Caroto UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo
weSithili seMfundo i-Metro North
ifoni 021 938 3197
Carol van der Heever UNolayibrari weSithili
weSithili seMfundo i-Metro South
ifoni 021 370 2084
Theresa de Young EDULIS, Bellville
ISithili seMfundo i-Metro Central
ISithili seMfundo i-Eden & Central Karoo
ifoni 021 957 9638


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2015:09:23

Inyanga yeLayibrari yeSikolo  (ubukhulu: 82 KB)