1. Izicelo zokuqaliswa kweendlela ezintsha ngoJanuwari 2016 mazingeniswe kwii-ofisi zezithili ukwenzela ukuba ziqwalaselwe nguSekela-Mlawuli weeNkonzo zeZiko ungadlulanga owe-31 Julayi 2015. Izikolo maziqale kwangethuba ukulungiselela ukuzalisa ifom yesicelo esixhaswa zizizathu ezivokothekileyo ukususela ngelo xesha lokuvulwa kwezikolo kwakhona kwiKota yesiThathu.
2. Izicelo zabafundi abongezelelweyo kwiindlela esele zikho ngoJanuwari 2016 mazingeniswe kwii-ofisi zezithili ukwenzela ukuba ziqwalaselwe nguSekela-Mlawuli weeNkonzo zeZiko ungadlulanga owe-7 Agasti 2015.
3. Ii-ofisi zezithili ziya kufumana izicelo zokuqaliswa kweendlela ezintsha nezabafundi abongezelelweyo ungadlulanga owe-31 Julayi nowe-7 Agasti 2015 ngokulandelelanayo zize ziziqwalasele izicelo njengoko kuyimfuneko. Izicelo ezisayinelweyo ezineemephu zeendlela mazingeniswe kwiCandelo lokuXhasa amaZiko ngeziBonelelo ukwenzela ukuba ziqwalaselwe ngu-Mnu MJ Hendricks, uSekela-Mlawuli weLTS ungadlulanga owe-31 Agasti 2015.
4. Uyacelwa uMphathi weze-IMG ukuba angqinisise/aqinisekise ukuba ngaba abafundi banako na ukufakwa ezikolweni okanye kwiihostele nokuba azalise iCandelo B lefom yesicelo phambi kokuthathela ingqalelo ukubandakanywa kwaba bafundi kwiskim sothutho lwabafundi.
5. Apha kuqhotyoshelwe ifom yesicelo yeLTS ehlaziyiweyo (yangoJulayi 2015) ukwenzela ukuba isetyenziswe ngokukhawuleza. Le fom yeyokulungiselela ukuba kuboniswe umhla eziya kufuneka ngawo iinkonzo zeLTS.
6. Kubaluleke gqitha ukuba izicelo zeendlela ezintsha nezabafundi abongezelelweyo zifunyanwe ngexesha ukwenzela ukuba zibe nako ukuthengwa iinkonzo nokuba zenziwe zifumaneke kwangolo suku lokuqala lwesikolo ngo-2016.
7. Iya kuthakazelelwa into yokuba inokulandelwa ngokungqongqo le migqaliselo iqulethwe apha kule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2015:07:17

IsiHlomelo A: "Learner Transport Schemes application form"  (ubukhulu: 76 KB)