1. Umbhiyozo owaqalwa yi-UNESCO woSuku lweeNcwadi lweHlabathi neLungelo lokuKhuphela (World Book and Copyright Day) ubanjwa qho ngonyaka nge-23 Apreli, engumhla wokuzalwa kukaWilliam Shakespeare, ongoLwesine kulo nyaka.
2. Umxholo ka-2015 othi, Come Read With Me, ubonisa ukubaluleka kwezakhono zokufunda kwimfundo eqhubeka ubomi bonke (life-long learning), ekukhuleni ngokwasengqondweni nasekuphileni qete kwengqondo (intellectual development and psychological well-being). Kukhuthazwa izikolo ke ngoko ukuba ziliqaphele ixabiso lokufunda ngokuthatha inxaxheba ngenzondelelo kwimisebenzi egxininisa ukufunda ngoSuku lweeNcwadi lweHlabathi.
3. Ilungelo lokukhuphela (copyright) linika ababhali nabenzi (creators) amalungelo awodwa kwimisebenzi yabo yentsusa (original works) kangangethuba elithile yaye linyanzeliswa nguMthetho weLungelo lokuKhuphela waseMzantsi Afrika (South African Copyright Act), ka-1978 (uMthetho 98 ka-1978)).
4. Ukufumana ingcaciso engaphezulu ngomthetho welungelo lokukhuphela nendlela izikolo ezichatshazelwa ngayo nguMthetho weLungelo lokuKhuphela waseMzantsi Afrika jonga le fayili iqhotyoshelweyo esihloko sayo sithi "Copyright guidelines for South African schools" equlunqwe yi-University of the Witwatersrand okanye utyelele apha http://libguides.wits.ac.za/Wits_Copyright_Guidelines/Guidelines_for_South_African_Schools
5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kuba libhiyozela uSuku lweeNcwadi lweHlabathi neLungelo lokuKhuphela ngokumiselwa kweNational Book Flood Campaign eMaskan Mall eVredendal. Eli liphulo leSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke lokubethelela umoya wokufunda kuze ekugqibeleni kuphuculwe izakhono zolwazi lokufunda nokubhala lwabafundi, ukwandisa ukufikelela kokufundwayo nasekuphuculeni inkqubo ekufundeni okanye kulwazi lokufunda nokubhala kwanokuqondakala okulandelayo kwazo zonke izifundo.
6. IWCED ngokubambisene namahlakani anjenge-Publishers' Association of South Africa, i-Library and Information Association of South Africa, i-South African Booksellers' Association of South Africa, iSebe lezoBugcisa neNkcubeko, i-Western Cape Provincial Library Services ne-Centre for the Book (iyunithi enobungcali ye-National Library of South Africa) benze baza baprinta iphowusta enemibala ngemibala ebonisa umoya woSuku lweeNcwadi lweHlabathi. Jonga uhlobo lwephowusta esekhompyutheni (kwi-pdf).
7. Iiphowusta eziprintiweyo zingafumaneka apha:

Susan Hanekom EDULIS Library, Bellville Ifoni 021 957 9617
Ntombi Mngxuma Brian O’Connell Resource Centre, ISithili seMfundo iMetro South Ifoni 021 370 2084
Jennifer Caroto Metro North Resource Centre, ISithili seMfundo iMetro North Ifoni 021 938 3197
Timothy Cloete Makhosandile Ndzuzo Resource Centre, iSithili seMfundo i-Overberg Ifoni 028 214 7386
Sharon Koff /
Brigette Spielman
ISithili seMfundo iMetro Central Ifoni 021 514 6702/56
Tarryn Rasool Kuils River Resource Centre, ISithili seMfundo iMetro East Ifoni 021 900 7171
Faith Lawrence ISithili seMfundo iWest Coast Ifoni 021 862 7776
Janine Ontong ISithili seMfundo iCape Winelands Ifoni 023 348 4657
Alta Raath ISithili seMfundo i-Eden & Central Karoo Ifoni 044 803 8329
8. Ngemibuzo engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane noTheresa de Young kwifoni 021 957 9638 okanye theresa.deyoung@westerncape.gov.za


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2015:04:16

"Copyright guidelines for SA schools"  (ubukhulu: 68 KB)
"World Book dat Poster"  (ubukhulu: 103 KB)