1. ISebe lezoBugcisa neNkcubeko, ngokubambisana ne-Library and Information Association of South Africa (LIASA), libhengeze ukuba iVeki yeLayibrari yeSikolo yaseMzantsi Afrika (SALW) ka-2014, iya kubhiyozelwa ukususela nge-14 - 21 Matshi 2015 lisebenzisa umxholo othi, "Connect @ your library." ("Qhagamshelana nabanye kwilayibrari yakho!").

2. Umxholo uqaqambisa ngokukodwa inkolo yokuba iilayibrari ziqhagamshelanisa abantu nabanye, yaye zikwabaqhagamshelanisa nolwazi nengcaciso, izibonelelo eziziincwadi nezo zikwikhompyutha (print and electronic resources), ithekhinoloji kwakunye nabo banolwazi banokubanika inkxaso.

3. Lo mxholo ukwakhuthaza wonke umntu enze uqhagamshelwano njengoko iilayibrari ziziindawo ezinqwenelekayo ezinazo zonke iinkonzo nezibandakanya zonke iindidi zabantu (one-stop, socially inclusive spaces,) ukuphucula ulwazi lokufunda nokubhala ngokuthi kuphuhliswe izakhono zokucinga kwakunye nengqiqo eyamkelekileyo kuzo zonke izigaba zobudala.

4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) likhuthaza ootitshala ukuba bazisebenzise iinkonzo zeelayibrari nengcaciso ezikhoyo zeSebe iWCED. Ezi nkonzo zibandakanya i-EDULIS Library Service (i-Head Office Library e-Bellville, amaziko angoovimba bezibonelelo kwizithili, iilayibrari eziziimobhayili needepo) (mobile libraries and depots) ne-EDULIS School Library Service.

5. Ezi zibonelelo zokuncedisa ukufunda nokufundisa (LTSM) zilandelayo ziyafumaneka xa zibolekwa ngabo nabo ootitshala, ziinqununu nangamagosa ezithili, okanye xa zibolekwa ziliqela zizikolo (block loans):

  • Iincwadi ezikhuthaza iingcinga zokwenza imisebenzi yezicwangciso zezifundo (inspiring activity-based ideas for lesson plans), nophuhliso lolwazi lokufunda nokubhala nemathemathika (literacy and mathemathics development), (uninzi lwazo zinokufotokotshwa);
  • Iintlobo ngeentlobo zezinto zokufunda zokuxhasa ikharityhulam;
  • Iincwadi ezininzi ezisandula kupapashwa ezingolawulo nobunkokeli ezikolweni;
  • Iincwadi ezihlupheza ingqondo zokuxhasa uphando ngemiba yemfundo nokuveliswa kwemigaqo-nkqubo;
  • Izinto zokufunda ezichaphazela imiba ebaluleke gqitha ekhoyo ngoku, umz. ulwazi lokufunda nokubhala nemathemathika, imfundo ebandakanya bonke abafundi (inclusion), ululeko neengxaki zokuziphatha (discipline and behaviour problems), ukulungiselela abo baneemfuno ezizodwa zemfundo (differentiation), i-HIV/AIDS, nokuchatshazelwa kweemveku ezingekazalwa butywala (foetal alcohol syndrome);
  • Izinto zokufunda ezijolise ngakumbi kubafundi (ezibandakanya iincwadi zemifanekiso neenoveli zabafundi bazo zonke izigaba zobudala) abanokuzisebenzisa ngamathuba okufunda (reading periods)), eziye zaphononongwa ziingcali ukunceda ootitshala ekukhetheni iincwadi zeelayibrari zezikolo; kunye
  • Nezixhobo zemidiya eziintlobo ngeentlobo (multimedia) ezinjengeevidiyo, ii-DVD, ii-odiyo-khasethi, ii-CD, ii-CD-ROM ezifikelela kwintlaninge yezihloko ukutyebisa nokuxhasa ukufunda nokufundisa eklasini (topics to enrich and support classroom teaching and learning).
6. Ezi Nkonzo zeLayibrari yeSikolo zilandelayo ziyafumaneka kootitshala nasezikolweni:

  • Uphononongo nengcebiso ngezibonelelo zokuncedisa zelayibrari ezinxulumene nekharityhulam zokuxhasa iiprogram zolwazi lokufunda nokufunda nolwazi lokubala;
  • Isikhokelo ngokuthengwa kwezibonelelo zokufunda zelayibrari kusetyenziswa iingxowa ezabiwa ngokweMimiselo neMigangatho neengxowa-mali zezikolo ngokwazo;
  • Iinkqubo zokukhuthaza ukufunda ngokuhambela izikolo ukuya kwenza iintetho ngeencwadi;
  • Iiseshoni zokunika ulwazi ootitshala besikolo njengenxalenye yophuhliso kumsebenzi wabo;
  • Ukuncedisa ekuhleleni kakuhle (cataloguing) izibonelelo zelayibrari ezilungiselelwe iilayibrari zesikolo;
  • Inkxaso yophuhliso nosetyenziso lweelayibrari zesikolo; kunye
  • Noququzelelo nenkxaso yoqeqesho olusisiseko kulawulo lwelayibrari yesikolo kootitshala abalawula iilayibrari zesikolo.
7. Kungaqhagamshelwana nala magosa esithili alandelayo ngokumalunga neeNkonzo zeLayibrari yeSikolo:

Faith Lawrence School Library Adviser,
West Coast Education District
Ifoni 021 860 1562
Janine Ontong School Library Adviser,
Cape Winelands Education District
Ifoni 023 348 4657
Sara Clegg School Library Adviser,
Overberg Education District
Ifoni 028 214 7387
Jennifer Caroto School Library Adviser,
Metro North Education District
Ifoni 021 938 3197

8. Ukuphendula kwizicelo ezininzi ezivela kootitshala becela ingcebiso ngezelayibrari yesikolo, kungaqhagamshelwana nalo msebenzi wakwa-EDULIS eBellville:

Theresa de Young UMququzeleli weeNkonzo zeLayibrari yeSikolo Ifoni 021 957 9638

9. Kucelwa ukuba uvule ifayile eqhotyoshelweyo ukufumana iingcebiso ezininzi malunga nokuba izikolo zeSebe iWCED zingayibhiyozela njani na iVeki yeeLayibrari zaseMzantsi Afrika (South African Library Week 2015).


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2015:02:27

IMISEBENZI ENOKWENZIWA UKULUNGISELELA IVEKI YEELAYIBRARI ZASEMZANTSI AFRIKA  (ubukhulu: 34 KB)