1. Fumana apha kuqhotyhoshelwe iirosta zeebhulethini zezithuba zootitshala abasezi-ofisini nezabasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini zango-2016.
2. Ziya kuba ne (4) iibhulethini zezithuba zootitshala abasezi-ofisini ngo-2016 apho umhla wokuqalisa umsebenzi uya kuba lusuku lokuqala lwekota yesikolo nganye.
3. Ziya kuba ne (4) iibhulethini zezithuba zabasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini apho kuthathwa ukuba umhla wokuqalisa umsebenzi uya kuba lusuku lokuqala lwenyanga nganye elandela umhla wokuvunywa kokuqeshwa. Kucelwa uqaphele ukuba ibhulethini yezithuba yokugqibela ku-2016 yabasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini iya kuba nge-02 Septemba 2016. Nakuba kunjalo, iinkqubo zokwenza uluhlu olufutshane nezodliwanondlebe ziya kugqityezelwa kuphela ngo-Oktobha 2016.
4. Ezi rosta zeebhulethini zezithuba ziqhotyoshelweyo zecandelo ngalinye elichaphazelekayo ziya kunika ithuba locwangciso oluqingqiweyo.
5. Kubongozwa abaphathi bamacandelo bahambelane mbo namaxesha asikiweyo acaciswe apha. Izaziso zezithuba mazingeniswe kwi-Recruitment and Selection Centre ngooLwezithathu, ubuncinane kwiveki enye phambi komhla wokupapashwa kwezaziso zezithuba.
6. Ukungeniswa kwezaziso zezithuba eziza kupapashwa makukhatshwe ziincukacha zawo onke amalungu ephaneli, imihla yokwenziwa koluhlu olufutshane lwabagqatswa (shortlisting) kunye nemihla yodliwano-ndlebe. Oku kuya kwenza abo bakwicandelo le-Recruitment and Selection Centre bakwazi ukwaba izibonelelo (resources) ngempumelelo enkulu.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:12:07

"Vacancy bulletin roster for office-based posts 2016"  (ubukhulu: 29 KB)