1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kukhupha iBhulethini enye yeZithuba ngo-2016 zabasebenzi benkonzo karhulumente abakumaziko. Le Bhulethini yeZithuba iya kuba nezithuba zonyuselo-sikhundleni kuphela.
2. Umhla wopapasho wale Bhulethini yeZithuba, kwakunye neminye imihla ebalulekileyo, ikwesi sihlomelo siqhotyoshelwe apha.
3. Izithuba zamanqanaba asezantsi (entry-level posts) ziya kuzaliswa ngokutshintshwa kwengqesho yethutyana itshintshelwe kwingqesho esisigxina kubasebenzi abaqeshwe okwethutyana, yaye ukuqaliswa koku kuya kwaziswa amaziko ngokwahlukeneyo.
4. Zonke izithuba zonyuselo sikhundleni ezingenamntu zabasebenzi benkonzo karhulumente abakumaziko mazipapashwe kule Bhulethini yeZithuba.
5. Zonke izithuba ezingenamntu/ezixhaswa ngemali ezikumahlelo akwisihlomelo ziya kuthathwa kumanani ezithuba ezabelwe amaziko apha ngaphakathi kwiSebe iWCED ukwenzela ukuba zipapashwe. Akukho mfuneko ke ngoko yokuba amaziko angenise izicelo kwiCandelo lokuGaya nokuKhetha aBasebenzi.
6. IBhulethini yeZithuba iya kusasazwa yiRejistri yeSebe iWCED, yaye iya kufumaneka kwi-Walk-in Centre yeSebe iWCED kwaNdlunkulu okanye kwiziko lewebhu leSebe iWCED apha http://wced.school.za Klikha ku-"Vacancies" kwikhasi leziko lewebhu (website’s home page).
7.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:11:27

"Institution-Based Public Service Posts 2016 Roster"  (ubukhulu: 20 KB)