1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kukhupha iZintlu zeZithuba ezi-2 ngo-2016 zootitshala abakumaziko.
2. Imihla yopapasho lwezi Zintlu zeZithuba, kwakunye neminye imihla ebalulekileyo, ikwesi sihlomelo siqhotyoshelwe apha.
3. ISebe iWCED aliyi kuba neZintlu zeZithuba ezahlukeneyo kwizithuba ezikumanqanaba angafaniyo. Zonke izithuba ezingenamntu zootitshala abakumaziko kufuneka ke ngoko zipapashwe kwiZintlu zeZithuba ngokukhawuleza kakhulu.
4. Kuya kuvunyelwa ukupapashwa kwezithuba zamaSekela-nqununu nezeeNqununu xa kukho imfuneko yoko yaye phantsi kweemeko ezizodwa. Ezi zithuba ziya kupapashwa kwiZintlu zeZithuba eziZodwa (in Special Vacancy Lists) kwakubakho imfuneko yazo.
5. Izicelo ngokumalunga nenkqubo yokutshintshwa kwengqesho/yokuqeshwa ngokusekelwe kwisiqendu 6A no-6B soMthetho weNgqesho yooTitshala, 1998, (uMthetho 76 ka-1998), zinokungeniswa unyaka wonke.
6. Kufuneka iinqununu, amabhunga olawulo namagosa ezithili, baziqhelanise neenguqu ezenziwe kwirosta yezintlu zezithuba ngokumalunga nokubandakanywa kweemvavanyo zokujonga ulwazi nezakhono zeeNqununu, zamaSekela-nqununu nezeeNtloko zeZifundo.
7. Ziyacelwa iinqununu namabhunga olawulo ukuba baqinisekise ukuba izaziso zezithuba zizaliswa ngekhompyutha (are filled in electronically) ngomhla obekiweyo ezilindeleke ngawo kuLuhlu lweZithuba oluyidrafti (draft Vacancy List) kweli ziko lewebhu le-WCED apha http://wced.school.za Akukho zifom ezingamaphepha ziya kwamkelwa. Iinqununu mazithetha-thethane nabaphathi beesekethe bazo ukuba zifumana ubunzima ekuzaliseni izaziso zezithuba kuLuhlu lweZithuba oluyidrafti kwiziko lewebhu.
8. Izicelo mazingeniswe ngohlobo olucaciswe kwisandulela soLuhlu lweZithuba ngalunye. Izicelo mazingeniswe ngekhompyutha (be submitted online) kusetyenziswa i-e-Recruitment System for Educators: "Recruiting the Best".
9. Ezi Zintlu zeZithuba ziya kusasazwa yiRejistri yeSebe iWCED, yaye ziya kuvela kwiziko lewebhu leSebe iWCED apha http://wced.school.za Klikha ku-"Vacancies" kwikhasi leziko lewebhu (website’s home page) ukufikelela ku-e-Recruitment System for Educators.
10. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo kwaye iya kuqinisekisa ulawulo ngempumelelo lwenkqubo yezengqesho.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:12:02

"WCED Institution-Based Educator Posts 2016 Roster"  (ubukhulu: 35 KB)
"Employment of Educators Act, 76 of 1998"  (ubukhulu: 160 KB)