1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ngokwenjenje lazisa ngokurhoxiswa kweBhulethini yoLuhlu lweZithuba 3/2015 yeZithuba zeNkonzo kaRhulumente kumaziko.

2. INtloko yeSebe leMfundo ikuvumile ukutshintshwa kwengqesho yethutyana ibe yingqesho esisigxina kubaqeshwa benkonzo karhulumente kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo.

3. Ukutshintshwa kwengqesho yethutyana itshintshelwe kwingqesho esisigxina kwenziwa ngokwengqiqo yeNtloko yeSebe i-WCED.

4. Umqeshwa oqeshwe okwethutyana ngumqeshwa kungokunje oqeshwe kwisithuba esingenamntu esivunyiweyo nesihlawulelwayo (approved substantive vacant post) noqeshwe ngokungesosigxina ithuba eliqingqiweyo. Le nkcazo ayisebenzi kubaqeshwa benkonzo karhulumente abaqeshwe kwizithuba zonyuselo-sikhundleni ezihlawulelwayo ezingenamntu njengababambeleyo (in an acting capacity).

5. Kusebenza ezi khrayitheriya zilandelayo zokutshintshwa kwemo yengqesho ukusuka kweyethutyana itshintshelwe kwimo yengqesho esisigxina, ukususela nge-01 Januwari 2016:
5.1 Inkqubo yotshintsho ivuleleke kwezi ndidi zilandelayo kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo.

  • UMabhalane; kunye
  • noMsebenzi Jikelele.
5.2 Ingqesho esisigxina iya kwenziwa kwisithuba esingenamntu nesihlawulelwayo yaye esi sithuba masiboniswe kwinani lezithuba zengqesho zesikolo zango-2015.
5.3 Umqeshwa ochaphazelekayo makabe uqeshwe okwethutyana kwiinyanga eziyi-12 kwiSebe iWCED, apho umhla wokuqeshwa kwakhe ingumhla okanye uphambi komhla we-01 Julayi 2014.
5.4 Kuya kuqwalaselwa kuqala, ukumataniswa nokufakwa kwizithuba kwabaqeshwa abangaphezulu kwemfuneko.
5.5 Aziyi kuvunywa izicelo zokutshintsha ingqesho yethutyana ibe yingqesho esisigxina apho abaqeshwa abachazwe njengabangaphezulu kwemfuneko (declared in excess) benako ukumataniswa nokufakwa kwizithuba.

6. Zonke izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa azibandakanywa kule nkqubo yokutshintshwa kwengqesho yethutyana itshintshelwe yeyesigxina.

7. Umhla omisiweyo wokungeniswa kwezicelo ngowe-14 Augusti 2015.

8. Izicelo zokutshintshwa kwengqesho yethutyana itshintshelwe kwingqesho esisigxina, mazibandakanye ifom u-Z83 form (ifom yesicelo somsebenzi) ezaliswe ngokupheleleyo kwakunye neleta enezizathu ezixhasayo (a letter of motivation), nemayiqale idlule kwibhunga lolawulo ukuya kwiSebe iWCED. Izicelo mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo:

Directorate : Recruitment and Selection
Western Cape Education Department
3rd Floor
Grand Central Building
Cape Town
8000


9. Izicelo zokutshintsha ingqesho yethutyana itshintshelwe kwingqesho esisigxina ziya kuqwalaselwa kuphela xa ngaba zihamba kunye nengqinisekiso evela kwibhunga lolawulo nakwinqununu echaphazelekayo, yokuba akukho baqeshwa bangaphezulu kwemfuneko banokugayelwa ukuqeshwa kweso sithuba, ngokuzalisa iFom yokuNgqinisisa (Verification Form).

10. Ziyacelwa iinqununu ziqinisekise ukuba okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane kwaziswa amabhunga olawulo azo kunye nabo bonke abaqeshwa benkonzo karhulumente abakwistafu sezikolo zazo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:08:03

"Verification Certificate"  (ubukhulu: 59 KB)