1. IZiko lokuGaya nokuKhetha aBasebenzi lifumene izicelo ezininzi zokuhlehliswa komhla wokupapashwa koLuhlu lweZithuba 1 luka-2015.
2. Sithathela ingqalelo ke ngoko umsebenzi omninzi okumaziko ngeli xesha lonyaka nokungafumaneki kwamalungu amabhunga olawulo ezikolo (school governing body (SGB)) ukunika imvume yokupapasha izithuba kwangethuba.
3. Ngenxa yezi meko zilapha ngentla, kunikwa imvume yokuhlehliswa komhla wopapasho loLuhlu lweZithuba 1 luka-2015 noluya kuthi ke ngoko lupapashwe nge-24 Februwari 2015, lunika ithuba iinqununu, ii-SGB nabaphathi beekomiti zeesekethe ukuba bafake ekhompyutheni izibhengezo zezithuba zabo ungadlulanga owe-10 Februwari 2015.
4. Kukhunjuzwa izikolo ukuba zonke izithuba ezingenamntu mazipapashwe kolu luhlu lwezithuba. Ukungakwenzi kwakho ukubhengezwa kwezithuba kungakhokelela ekunikweni kwengqwalaselo ngokutsha (review) kweengqesho zemvumelwano ukuqalela nge-1 Julayi 2015.
5. Kucelwa ukuba ujonge kule rosta iqhotyoshelweyo nefakelwe izilungiso ekubhalwe kuyo imihla emitsha.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:01:29

"Institution-Based Educator Posts - 2015 Roster"  (ubukhulu: 39 KB)