1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kukhuphha iZintlu zeZithuba ezi-3 ngo-2015 zootitshala abakumaziko.
2. Imihla yopapasho lwezi Zintlu zeZithuba, kwakunye neminye imihla ebalulekileyo, ikwesi sihlomelo siqhotyoshelwe apha.
3. ISebe iWCED aliyi kuba neZintlu zeZithuba ezahlukeneyo kwizithuba ezikumanqanaba angafaniyo. Zonke izithuba ezingenamntu zootitshala abakumaziko kufuneka ke ngoko zipapashwe kwiZintlu zeZithuba ngokukhawuleza kakhulu.
4. Kuya kuvunyelwa ukupapashwa kwezithuba zamaSekela-nqununu nezeeNqununu xa kukho imfuneko yoko yaye phantsi kweemeko ezizodwa. Ezi zithuba ziya kupapashwa kwiZintlu zeZithuba eziZodwa (in Special Vacancy Lists) kwakubakho imfuneko yazo.
5. Kufuneka iinqununu, amabhunga olawulo ezikolo namagosa ezithili zemfundo baziqhelanise neenguqu ezenziwe kwirosta yezintlu zezithuba ngokumalunga nethuba elimiselwe ukwenziwa kweemvavanyo zokujonga ulwazi nezakhono zabenzi-sicelo (block period for competency-based assessments) kunye nomhla "osikiweyo" ("closeoff" date).
6. Ziyacelwa iinqununu namabhunga olawulo ezikolo ukuba ziqinisekise ukuba izaziso zezithuba zizaliswa ngekhompyutha (are filled in electronically) ngomhla obekiweyo ezilindeleke ngawo kuLuhlu lweZithuba oluyidrafti (draft Vacancy List) kweli ziko lewebhu le-WCED apha http://wced.school.za/. Akukho zifom ezingamaphepha ziya kwamkelwa. Iinqununu mazithetha-thethane nabaphathi beesekethe bazo ukuba zifumana ubunzima ekuzaliseni izaziso zezithuba kuLuhlu lweZithuba oluyidrafti kwiziko lewebhu.
7. Izicelo mazingeniswe ngohlobo olucaciswe kwisandulela soLuhlu lweZithuba ngalunye. Izicelo mazingeniswe ngekhompyutha (be submitted online) kusetyenziswa i-e-Recruitment System for Educators: "Recruiting the Best".
8. Ezi Zintlu zeZithuba ziya kusasazwa yiRejistri yeSebe iWCED, yaye ziya kuvela kwiZiko leWebhu leSebe iWCED apha http://wced.school.za/. Klikha ku- "Vacancies" kwikhasi leziko lewebhu (website's home page) ukufikelela ku-e-Recruitment System for Educators.
9. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo kwaye iya kuqinisekisa ulawulo ngempumelelo lwenkqubo yezengqesho.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:12:18

"Institution-Based Educator Posts 2015 Roster"  (ubukhulu: 28 KB)