1. IProgram yeMpilo Qete yaBasebenzi (Employee Health and Wellness Programme) yenziwa luLawulo lweMpilo neNtsebenzo yaBasebenzi (Health and Productivity Management) ngokuthi igxininise ekunikeni iingcebiso ngezigulo ezichaphazela ukwenziwa komsebenzi lo gama ikwabenza abasebenzi bazi ngemeko yempilo yabo. Ukunika inkxaso iphulo leSebe loMphathiswa wezeMpilo lokuhlolelwa i-HIV/AIDS, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lidibanise iphulo lalo le-HIV Counselling and Testing (HCT)) kwiiprogram zalo zoSuku lweMpilo Qete yaBasebenzi.
2. Olu vavanyo lwempilo lubanzi, lwabo bonke abasebenzi bakwaNdlunkulu, lulungiselelwe umhla we-17 nowe-18 Septemba 2015 ukuqala ngo-08 :30 ukuya ku-15 :00 eConference Room 4, kumgangatho wesibini (2nd floor), eGrand Central Building. Uxilongo luya kuthatha imizuzu eyi-15 ukuya kweyi-20 yaye abasebenzi banokuthetha-thethana nabaphathi bamacandelo abo, ukulungiselela ukuya kwabo kwesi siganeko.
3. Bayacelwa abaphathi bamacandelo ukuba benze amalungiselelo okuba bonke abasebenzi babo bayisebenzise le nkonzo imahala, lo gama beqinisekisa ukuba iinkonzo ezibalulekileyo aziphazanyiswa. Kuya kufuneka abasebenzi beze kwesi siganeko ngamaxesha acwangciselwe elo Candelo labo liyiNtloko. Abasebenzi abangenako ukufikelela kule nkonzo ngosuku lokuqala banokulungiselelwa ngosuku lwesibini ukususela ngo-13:00 ukuya ku-15:00.
4. Kucelwa wazise ngokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:07:29

"Employee health and wellness days: WCED head office"  (ubukhulu: 61 KB)