1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyihlaziyile iKhweshine yoLawulo loKushiya iNkonzo (Exit Management Questionnaire), eyayisetyenziswe okokuqala ngo-2011, ukwenzela ukuba ingqinelaniswe noMyalelo woMphathiswa weSebe leNkonzo kaRhulumente (Department of Public Service Administration (DPSA)) i-Ministerial Directive to Institutionalise Practice of Exit Interviews in the Public Service.
2. Lo myalelo wesebe lomphathiswa ukhankanywe apha ngentla ucacisa ukuba onke amasebe kufuneka aqulunqe ingxelo ehlalutya ulawulo lokushiya inkonzo (exit management analysis report) qho ngonyaka ukulungiselela abaqeshwa abankonzo yabo iye yapheliswa ngenxa yokungaphili okanye umenzakalo, umhlala-phantsi nokuyeka emsebenzini (resignation).
3. Ukwenzela ukuthotyelwa komyalelo we-DPSA, bonke abaqeshwa abayishiyayo inkonzo kwiSebe i-WCED ngenxa yokungaphili okanye umenzakalo, umhlala-phantsi nokuyeka emsebenzini (resignation), bafanele ukuzalisa iKhweshine eqhotyoshelweyo i-Exit Management Questionnaire. Iikhweshine ezizaliswe ngokupheleleyo ziya kuhlalutyelwa ukufumanisa ukuba kutheni na abaqeshwa beyishiya inkonzo karhulumente yaye ngawaphi na amanyathelo okulungisa le meko anokuphunyezwa liSebe iWCED ukugcina abaqeshwa abanezakhono nabanobuchule.
4. Kucelwa uqaphele ukuba abaqeshwa bafanele ukuwazalisa onke amacandelo kwikhweshine ukwenzela ukuba olu hlalutyo lunike ingcaciso kangangoko kunokwenzeka. Ingcaciso enikiweyo kule khweshine yokushiya inkonzo, iya kuthathwa njengeyimfihlo ngokungqongqo.
5. Yakuba izaliswe ngokupheleleyo ikhweshine yokushiya inkonzo, mayigqithiselwe kwiCandelo loLawulo lwezaBasebenzi ngoBuchule (Iqwalaselwe ngu-Nks Charné Jones) UMgangatho wesi-8, eGolden Acre Building, Adderley Street, Cape Town, 8001.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:08:18

IKHWESHINE YOLAWULO LOKUSHIYA INKONZO  (ubukhulu: 66 KB)