1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) likuxabisile ukuzimisela kwabaqeshwa benkonzo karhulumente ekwandiseni ulwazi lwabo lwemfundo nasekuphuhliseni izak hono zabo.

2. Ngenxa yesi sizathu, iSebe iWCED lincedisa abaqeshwa ngemali ukuba baqhubele phambili nezifundo zabo, kwaye licela abaqeshwa benkonzo karhulumente abanqwenela ukwenza izifundo ngokungesosigxina (part-time) ngo-2016 ukuba benze izicelo zeebhasari.

3. Iibhasari ziya kunikwa abenzi-sicelo kuphela ukuba:

  • bangabemi baseMzantsi Afrika;
  • bangabaqeshwa abaqeshwe isigxina beSebe iWCED ngokoMthetho weNkonzo kaRhulumente, 1994 (uMthetho 103 ka-1994);
  • bayayifezekisa imiqathango yokwamkelwa yeziko lemfundo elichaphazelekayo;
  • bazimisele ukwenza izifundo ngokungesosigxina ngo-2016
  • bazimisele ukwenza izifundo ze-under graduate kumabanga aphezulu; yaye
  • abafumani bhasari karhulumente okanye nayiphi na enye ibhasari.
4. Zonke izicelo ziya kuphononongwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

  • Ukufaneleka kwenkalo yezifundo ekujoliswe kuyo ngokunxulumene neemfuno zochule zangoku nezexesha elizayo zeSebe iWCED;
  • Imfuno yecandelo elichaphazelekayo yezakhono ezithile okanye ezinqabileyo;
  • Ubulungisa kwezengqesho (ngokohlanga, isini, ukhubazeko);
  • Iindawo zasemaphandleni xa kuthelekiswa nezasezidolophini;
  • Ukufaneleka kwezifundo kwinkcazo yomsebenzi othile;
  • Ukufaneleka ngokwenjongo yezophuhliso (developmental relevance);
  • Amanqanaba omvuzo;
  • Ukufumaneka kwemali;
  • Izifundo zasemva kwesidanga sokuqala okanye sesibini xa kuthelekiswa nezifundo zesidanga sokuqala; kunye
  • nengcebiso yesuphavayiza, nekufuneka iqhotyoshelwe kwisicelo.
5. Izicelo zezi nkalo zezifundo zilandelayo, apho kukho ukunqongophala kwabasebenzi abaqeqeshiweyo kunye/okanye imfuno yeSebe ethe gqolo, ziya kuqwaselwa kuqala:

Ino. Udidi lwebanga lemfundo Inkalo yesifundo (Study field)
1. IsiDanga okanye iDiploma Financial Management, Financial Management Systems, Accounting, Auditing
2. IsiDanga okanye iDiploma Human Resource Management
3. IsiDanga okanye iDiploma Public Management

6. Zonke izicelo mazingeniswe ungadlulanga umhla wokuvala - ongulo uLwesihlanu, 18 Septemba 2015 kwiCandelo loLawulo lwezaBasebenzi ngoBuchule ukuze ziqwalaselwe ngu: L Ndzongo/NP Funani kwa Room 9, 8th Floor Golden Acre Building, Cape Town, 8001 okanye ziposelwe apha: Private Bag X9114, Cape Town, 8000.

7.

8. Ingcebiso yesuphavayiza ebhalwe kwifom yokwenza isicelo.

9. Aziyi kuqwalaselwa izicelo ezifike emva kwexesha elibekiweyo, ezingazaliswanga ngokupheleleyo nezithunyelwe ngefeksi okanye apho ingabonakaliyo into ebhalwe kuzo.

10. IKomiti yeBhasari iya kuqwalasela zonke izicelo, ize emva koko yenze iingcebiso zokukhutshwa kweebhasari. Imali eyabelwe ibhasari ayisayi kuba ngaphezulu, kodwa oko kungathethi ukuba iya kuzihlawula iindleko zonke neefizi zezifundo. Inani lezicelo zeebhasari elifunyenweyo kunye nemali efumanekayo ziya kusetyenziselwa ukubala inani leebhasari elikhutshwayo.

11. Ngamnye umenzi-sicelo ophumeleleyo uya kulindeleka ukuba angene kwimvumelwano esemthethweni neSebe iWCED yokunika inkonzo yonyaka omnye ngonyaka ngamnye wokunikwa kwakhe ibhasari nokuthobela eminye imigqaliselo ekhankanywe kwimvumelwano.

12. Kuyacelwa ukuba ungathandabuzi ukuqhagamshelana naba bantu bakhankanywe kwiletahedi yale ngcaciso imfutshane ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu ngeskim seebhasari.
13. Kucelwa nokuba uqinisekise ukuba bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abakwicandelo lakho bayakwazi okukule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:08:12

"Public Service Act, 1994 (Act 103 of 1994)"  (ubukhulu: 183 KB)
IsiHlomelo A: IINGCEBISO ZESUPHAVAYIZA UKULUNGISELELA IBHASARI YOKUFUNDA NGOKUNGESOSIGXINA KU-2016  (ubukhulu: 17 KB)
"Application for public service bursary 2016"  (ubukhulu: 79 KB)